Monday, 7 October 2013

Scene #2.3


It was now 00:50

Mpumezo and Thembela safely arived home and they were tired as hell from running. Thembela was shocked of what just happened, she was all shaking and breathing heavely. She couldn't stand long, her knees were shaking, her hand shaking and she was in tears.

Thembela: “Ndicela amanzi”
Mpumezo: (Getting her water) “Are you ok?”
Thembela: “How can you ask mes that kind of a question! No! I am not Ok!”
Mpumezo: (Giving her a glass of water) “You'd be fine. You'll see”
Thembela: “I wanna sleep! Can you organise hot water for me, please. I wanna take a warm bath before I sleep”
Mpumezo: “Cetainly...!”

Waphakama and plugged the a jug-kettle and garthered other items that Thembela will use to wash herself. Wabeka ikom namanzi okuxuba and wabeka isikipa esimdaka for Thembela to step on it xa ephuma ekomini. Water was now ready and he poured them ekomini.

Mpumezo: “Alungile amanzi”
Thembela: “Enkosi”

UThembela akakhange ahlambe imini yonke. Ukuhlamba yena ugqibele izolo elinye. Ukwalele nomfundisi enjalo. Wakhulula apha ngentla, waqalisa ukuhlamba. UMpumezo yena wathath ifowuni yakhe le ebeyishiye etshajeni, mwaya nayo ebhedini. Wavula iingubo kakuhle ngocoselelo, wakhulula naye, wangena ezingubeni eze. Ewe, waye eze enganxibanga nix.

Wajonga iphone yakhe wafika imiyalezo imininzi evela kuWhatsApp, kunye nee-missed calls kodwa ukhawulezile wayokuhoya ezika WhatsApp, wafika kukho nalo;

Bonisa: (WhatsApp) “Ndiyakuzonda shame! Ukundihambisa ndodwa ebusuku! Ndikhuthuziwe ke! Uza kundibona ke kusasa! Ndidumbile! Ndinayo nemikrwelo! Ithathiwe nalomali ubundinike yina! Kusinde nje iphone yam, kuba nayo bendiyifihle kusisi. Kucacile ukuba ubungandithandi Mpumezo. Qha ubufuna nje ukundilala wogqiba ungandihoyi. Kwaba ukwazi ukundiyeka ndihambe ndodwa, i mean you planned that to happen. Ubufuna ndife nhe? Ulate ke bhuti and andizokuyibhatala mna lomali yakho, ixuthiwe kaloku and andizuphangela mna ngomso. Caba ubufuna ndivelelwe yingxaki bhuti nhe? Yenzekile ke le ubuyinqwenela! Nokuba bendifile...!”

Wavele wabanda at that point in time uMpumezo. Suke wothuka! What if somethin bad did happen to her? What if she was raped or killed? Wazibuza ukuba ingaba usenayo na ichance noBonisa after what happenned? Iingcingane zakhe zaphazanyiswa nguThembela;

Thembela: “Ayikho ivaselina?”
Mpumezo: “Ha.a! Yilo clare yodwa endinayo”
Thembela: “Ndifuna ukuthambisa apha phakwathi kwamathanga, ndityabukile and ndiyamensa”
Mpumezo: “Uyamensa?”
Thembela: “Ewe! Liyandicaphukisa ke tana! Alipheli!”
Mpumezo: “Kutheni ungatsho ke ngoku ukuba useslarheni?”
Thembela: “Andiqondanga ukuba bekumele ndikuxelele gqirha! Ikhana indgaxaki?”
Mpumezo: “Ayikho! Kodwa asoze ndingazumi mna ngenxa yalonto”
Thembela: “Hay! Sukungcola!”
Mpumezo: “Ndiyakukhumbula mna Thembela!”
Thembela: “Nam kaloku! Qha leligazi eli mfondini!”
Mpumezo: “Andinaxesha lagazi mna”
Thembela: Alizuphela ke xa unditya ndi nje! And kaloku obu bubumdaka, buyaphuma!”
Mpumezo: “Andixesha lalonto mna”
Thembela: “Ha.a wena! Andikho nasemdleni ke xelele! Ndidiniwe ndifuna ukulala! Kaloku oko besisebenza ententeni mfondini. Umfundisi undisebenzisile one namhlanje! Phinde ndothuswe yile iphantse yenzeka! Inoba that's even why eligazi ligxaza kangaka”

Wayengamensi uThembela. Kodwa wayengafuni ize ivele kuMpumezo ukuba uke walala nenye indoda. Wazimisela ukuzuliswa de ahambe kusasa, nangona eyazi ukuba uMpumezo uyazazi iindawo achukunyiswa kuzo ze abe semdleni. Kanti wayezilungiselele; akuyazi ukuba uMpumezo was on his way to pick her-up, she was about to take a bath. Wakhawuleza wakhangela ipad kwi bag yakhe yasegxeni, waya nayo ekhitshini, wakhangela itomato source, wayithi quba kancinci apha kwi pad. Wayilungisa ke ngomnywe! Wabuyela egumbini lakhe lokulala, wogqiba walayita i-hairdrier yakhe, wayenza shushu ze washushubeza ngayo elagazi letumato sos, lahlala ncwam. Wawunokugqiba ukuba lilo. Ubaleka le kamfundisi into.

UMpumezo wayebukele ukumila kwalentombi ngoku ahleli kulabhedi. Wayepakishe imiqamelelo yakhe engqiyame kamndana. Wayenabile kodwa ebuchophe ngempundu apha ebhedini. Wayedlala ngomqwathi wakhe inga uthi khawude ugqibe ntombazana ndiyafa yindlala. Wayemana eluma lomnyheke ungezantsi, ancume kanye xa athobayo uThembela ukufaka itowel wamanzini eyicikica! Kwekh! Ngumbono omhle kuye lo! Ngelingeni yagqiba intombi; themba mqala waginya...!

Thembela: “Ikhona ikhondom? Andifun ukukugulisa mna! Iwes bubumdaka obu buphumayo! Uzogula Mpumezo!”
Mpumezo: “Andinazo iikhondoms mna! Yima ndithathe itowell enkulu ndiyondlale apha phezu kweshiti”

Wacingela ngaphakathi umfo omkhulu ngoku agunhulula lento ayifunayo. Sekucaca phofu ukuba ungxamele uya ebhedini.

“UThixo kodwa uyabonelela! Ndiphoswe zintaka ezimbini izolo oku, ndakhonza kakubi ndirhala, andakwazi ulala ngenxa kaBonisa. Ngoku ndizoyitya noba imdaka rhaaaaaaa”

Waphuma emandlalwe umfo sele izinto zidubule zikhomba indlela ukuba iya ngaphi. NoThembela wathi krwaqu wogqiba wacimela.

Sime apho...! Sakubonana kwixesha elizayo




Scene #2.2


Besishiyene nomzalwane uMpumezo esendleni eya kuloThembela. Kwaye kusezinzulwini zobusuku, emva kokumka kuka Bonisa. Ngoku usendleleni ebuyayo, eza kokwabo, kunye noThembela lo ebeyomlanda. Kamnandi ufike intombi imlinde phandle, baze bahamba.
Mpumezo: “Ngenditheni ke?”
Thembela: “Awundihoyi Mpumezo. Ukusuka apho ndiva izitori zokutshata kwakho noBonisa! Awusathethi nam nakuFacebook nakuWhatsApp. Qha xa ufuna impundu zam kuba ngona unanazelayo emva kwam”
Mpumezo: “Uyayazi nawe ixesh andinalo. Soloko ndixakekile enkonzweni. Umfundisi undisa ngapha nangapha and iyandidinisa nam lonto. Ingase nam ndizivulele elam ibandla”
Thembela: “Ayikho ke le uyithethayo! Uzokwazelaphi ukuphatha ibandla wena? Okanye ufuna ukuzitya kakuhle ezimali zabantu nhe?”
Baye besiya ngaseholweni yoluntu ingabo bodwa abasendleni ngelaxesha. Kwaye kungekho kwamoto evelayo macala omabini. Kanye xa bangasesangweni le-gate eholweni. Kwavele abantu abane bevela ngakulaKhontena ilungisa iiphone, kucaca phofu ukuba bavela ngaseBarcelona, ngakwaNomdimba.
Mpumezo: “Ha! Ha! Ha! Kanti sele ndivutshiwe mna ke tana! Akhonto ndingakwazi ukuyenza mna, undibokhomba nje, ndikwenzele”
Bonisa: “Naba abantu! Ndicela undifihlele lephone yam torho! Yhu iBlackberry ndisanda ukuyithenga? Ha.a!”
Wayithatha wayifaka epokothweni kaMpumezo. Wogqiba wambamba esinqeni, wabeka intloko yakhe egxeni. Ethubeni, uqaphele ukuba kukho into eqinileyo esinqeni sikaMpumezo, wayiphutha-phutha ukwenzela ayive ukuba yintoni.
Mpumezo: “Don't do that...!”
Thembela: “Yintoni ke le iqinileyo apha kuwe esinqeni?”
Mpumezo: “Shhhhh! Yimela yam le! Ingathi zibala ngathi ezintwana”
Thembela: (Eqinisa) “Hay'ndiyoyika ke mna! Masibaleke singene kule yadi! If abafumani nto bazosibulala okanye basonzakalise”
Mpumezo: “Ha.a masiye! Azisusenza nto”
Thembela: “Uzuke uqine enyaleni ndikuxelela! Yho! Beza kuthi sana! Iphone yam! Imkile namhlanje! Unagbi nenkani ke! Yhuuuwwwhhhiiiii”
Mpumezo: “Hay'maaarn sungxola jo! Ziyeke ezikaka zize! Sundiqinisa maaaan nawe”
Afika amajita sele ezikhuphile iimela zawo zimenyezela inga ziyimibane. Agqiba indawo yonke amajita inga umhalaba ngowawo. Maaaarn! Wangcangcazela uThembela inga angawuyeka umchamo, akubona ezo mela mfondini.
Umjita 1: “Ningasisokolisi ke! Rhafani! Imali! Phone! Khuphani! Okanye nizokufa! Khawulezani!”
Thembela: “Ainayo imali”
Mpumezo: “Hay'makwedini! Sekutheni ingathi niyaqhela nje! Huh?”
Thembela: “Suba neenkani Mpumezo! Bazokusenzakalisa ababhuti”
Umjita 2: “Kutheni ingathi uyarhonga nje rhot'man? Uyayazi le whey?”


Yakhupha inkebe-nkebe yebhozo lanto sele lilijiwuzisa ukulizisa ngqo kuMpumezo. Yema bhungxe lanto inguMpumezo kucaca nje ukuba ayoyiki tu. Ibhinqa lothuswa lelo bhoso lingaya ykuba likhulu, lajike emva koMpumezo, sele lincwina.
Umjita 3: “Hlaba lenja maaaan! Hey! Khuphani imali nephone zenu nina niyeke lekaka yokusilibazisa”
Umjita 4: “And sisemsebenzini thina! Asifun kulityaziswa nini! Khuphani! Hlaba ezikaka maaarn nawe jo!
Mpumezo: (Erhola umpu) “Nindiqhela ikaka nhe? Misunu yenu! (Watsho isithonga sasinye phantsi) Yizani apha! Misun'onyoko! Nibaqhela ikaka abantu rhu! (Waphinda esinye kwaphantsi)


Kwee saa ngonkabi sebesitsho isikhalo. Abanye bafohleka ukutyhoboza amacingo neeyadi. Yaba ngudulukubhode ukusithela kwabo ezikoneni oorheme, befathuza ukubaleka oku. Inga bathi “nyawo zam wake wandenzela ntoni nha” ukuyotshonela.


UThembela oko wayeguqe ngamadolo ebambelele eendlebeni, esitsho esikrakra isikhalo, inga ufelwe yintshontsho lakhe. Akaznge akholwe naxa abanjwa nguMpumezo ukuba nguye nha, wasitsho maaaarn de noMpumezo wambamba umlomo. Yaba ngubhije ke ukuya kwaMpumezo bebaleka.
Sime apho!


See you at 16:15


#DOUO

Scene #2.1


UBonisa wema phambi kwendoda , eyixelela ukuba ayihambi. Ayiyi ndawo! Yena uze kuyo apha endlini and yena ufuna ulala kwaye akuzulala yedwa, phofu engazulala nabantu ababini eqhele ukulala nomtu omnye. Watsla ezangubo zither saa phantsi, wakhupha ishiti, wavuthulula iingubo, walijula endodeni eloshiti, kucaca phofu ukuba uyonyanya kwa ukulibamba oku. Wayondlula ibhedi kakuhle, wogqiba wakhulula, wema bhrutsu. Ha! Ha! Ha! Ewe, wema nqunu. Wangena emandlalweni.
Bonisa: “Indoda yam mayizolala nam! Omnye asiphe igumbi ke!”
Wazitsala iingubo wagquma nje amabele la, warhola iphone yakhe. Wangena ku-WhatsApp;
Bonisa: (WhatsApp) “Ndiyakuzonda shame! Ukundihambisa ndodwa ebusuku! Ndikhuthuziwe ke! Uza kundibona ke kusasa! Ndidumbile! Ndinayo nemikrwelo! Ithathiwe nalomali ubundinike yina! Kusinde nje iphone yam, kuba nayo bendiyifihle kusisi. Kucacile ukuba ubungandithandi Mpumezo. Qha ubufuna nje ukundilala wogqiba ungandihoyi. Kwaba ukwazi ukundiyeka ndihambe ndodwa, i mean you planned that to happen. Ubufuna ndife nhe? Ulate ke bhuti and andizokuyibhatala mna lomali yakho, ixuthiwe kaloku and andizuphangela mna ngomso. Caba ubufuna ndivelelwe yingxaki bhuti nhe? Yenzekile ke le ubuyinqwenela! Nokuba bendifile...!”
Sityhilelo: “Ndicela silaleni sonke coz azikho ezinye iingubo Bonisa for alale ngazo uNolitha and akho ndawo yolala, akho kwaseti kulehoki. Uzohamba kusasa. Ndiyakucela Baby torho”
Bonisa: “Wethu! Ungalinge undingxolele ngoNyonyitha mna! Yizolala undibambe ngolwahlobo uqhele ule, unditye ngolwahlobo uqhele ulenza, andizuyimela le yoguqukela ebeleni ndibe ndiqhele ukungqubeka endodeni ke mna! Ihule maliphume ligoduke okanye liye kweyalo indoda. Yiza Sityhilelo”
Nolitha: “Hay! Ambolala nomntu wakho mfondini. Ndizohlala kulendawo de kuse, ndizozihambela”
Wangena ezingubeni uSityhilelo yabe imzele ngomva letsheri yakhe icofana nephone yakho ingamnakanga. Ngelingeni yaguquka;
Sityhilelo: “Ndicela silale nomye Bonie joh, kuyabanda kaloku! And ebeyothathwa ndimkokwabo joh! Ndak’cela love”
Bonisa: “Qale undiphe! Ubulele naye nge condom k’qala?”
Styhilelo: “Azikho nana, senze nje! Kodwa uclean naye love, akaguli and that makes us safe too, don’t worry”
Bonisa: “Iza ke! Khwela! Iza! Ima, umqamelelo! Heke! Iza ke”
Sityhilelo: “Hay’bo! Njalo nje? Omnye umnwana? Hay’bo jo!”
Bonisa: “FUTSEK MAAARN! Uyenza okanye? Hay’sundiqhela kakubi jo! YENZA”
Wakhwela ke nomnye wenza le ayithunyiweyo. Wangxola ke nomnye oku komntu onesigqezu. I mean, yayingekho ingxolisa and akazange wangxola ngaphambili xa benzanayo. Kodwa namhlanje kwakubhideke kwa umfana, sede warhola amerho phezu kwentombi. Engazazi nokuba makavuye kuba eyipha kamnandi lentombi, okanye sisigqezu sokuqhayisa nha eso nha. Suke wazikhaba uBonisa ezongubo. Kwavela amagqengeza eempundu zabo bobabini mfondini. Wayixhoma apha ke imilenze yakhe usisiza, ebambe impundwana ezintseke-ntseke zika Sityhilelo, ezazilwatshu-lwatshuza ke nazo. Zisihla zinyuka zixela amaze olwandle, okanye zixela umfinya wegeza xa kubanda. Kwekh! Loongxolo ke!
Usizana olunguNolitha nkosi yam, lwaluthe shwace pha ekoneni yehoki, ethe thoce esitulweni. Wayefake iiearphones zakhe inge umamele umculo. Umane eqethukisa intloko ke umamakho inga akanakanga, kodwa izithonga shame wayeziva and umntu ke unayo imithambo. Wayebonakala ngomane etshintsha indawo yokuhlala ukuba uva zona. Kaloku, kanti naglo lonke elixesha ahleli pha, uyishicilela yonke lento. Yemadoda! Uyayifoto ixesha eli lonke. Yhuuuuuuuuuwwwwwwwhhhhhhiiiiiiiii!
Wenza sure ukuba uyabakhupha ubuso babo bobabini. Njembekrabalaza imilenze omnye lo, nanko evele wonke kwivideo kwaye iphume kakuhle naloomshicilelo. Yho! Kazi ucinge ntoni loNolitha? Uzakuyithini ke? Ayithini bethu? Kazi ayikokungcola nha oku akucingayo uNolitha ngoBonisa!
Sityhilelo: “Baby! Ndichithile ngoku! Ndiphelelwa ngamandla! Ndiyehla! Ay...!”
Bonisa: “Hay yikaka ke leyo ke! Andikoneli kemna! Caba elivrawutsha likugqibile! Awugqibanga ne 5 minutes le? Andikoneli mna bhuti! Iza! Yenza! Ukuba ayifuki, izovuka ngenkani! Tshona khona! Yenza bhuti!”
Wazama shem ukucosela umfana wabantu kodwa kungalungi. Kodwa esi sikhalo sengxolo kaBonisa sasidika shame, i mean, ungxolela ntoni? Usenzile kaloku i-statement kaloku and so what?
Ucinga ayithini iVideo uNolitha? Inguwe lowa waye kulameko ubunokwenzani?


Sime apho...!


#DOUO

Saturday, 5 October 2013

Scene #2


Emva kokukumka kuka Bonisa.

UMpumezo washeka ejwaqeka ngumsindo. Wayecaphuka, enomsindokazi ongathethekiyo. Yenzeka njani ukuba ngemini enye, bemke sebelapha? Iqale yanguSisanda emini, ngoku ngulo unguBonisa. Lo ke umka ngoku emyeke sele elapha, bekumele ukuba uwuvalile lamnyango ze angakwazi ukuphuma uBonisa, ngelele mhlawumbi. Kutheni bethu? Ingaba konakele phi ngoku na nje? Suke yanga ukhona lomfazi umzele ngomva, watunusa. Ngoku uza kuthini? Mphini wuphi anokuwuxoza? Azame uSisanda? Azame uThembela? Athini? Ayeke alale?

Nkosi yam! Yangqunga ukugqiba indlu lenkewu! Icinga cebo limbi. Ngelingeni wacingela ngaphandle, kucaca ukuba akaziva urheme;

Mpumezo: (Ethetha yedwa) “Ndibe sisiyatha kwa ukuqale ndimnike la mali. Bekumele ndimxele phandle ukuba uza kuyifumana kusasa kanye xa ahambayo! Ngoku, ukuba ukhuthuziwe ze yathathwa nalomali? Ukuba ubulewe? Ukuba udlwengulwe? Hay'phofu ubaleke loMqwathi wam kaloku, izobe injalo...! Undibalele yazi lontwana? Ngokuqononondisa ngemali phambili, inge uyahlala, wemka! Eish! Ndonqena nokumfowunela ke ze iphone iviwe zizikoli, ithi kanti uyifihlile. Phofu, uzakundifowunela xa esendlini...! Mandithembe uhambe kakuhle kodwa. Ngoku ndizakuthini? Ndikhumbula kwa uThembela iqwela, qha ndimphoxe kakubana ke namhlanje. Wofika uqumbile! Khawume ke ndimjonge ku WhatsApp! Iyhoooo! She is online! Ndithini bethu?”

Mpumezo: (WhatsApp) “Nana”

Thembela: “Yintoni?”

Mpumezo: “Hay'bo”

Thembela: “YINTONI?”

Mpumezo: “Tjioo! Awukho mdleni ke tana”

Thembela” “Injalo”

Mpumezo: “Nditheni kaloku nana?”

Thembela: “Ucinga ndisisibhanxa sakho wena shame”

Mpumezo: “Hay'bo baby ndenzeni ngoku man? Iwes ba ndikukhumbuila kanjani jo!”

Thembela: “Usathe phithi nguBonisa kaloku”

Mpumezo: “Bendizomnika imali kaloku love, apha endlini! Hay'suba wrongo torho nana!”

Thembela: “Mna ndi wrongo? He! He! He! Sundihlekisa bhuti! Ucinga ndi dom wena nhe!”

Mpumezo: “Ndenzeni kaloku sthndwa sam? Khathethe kaloku baby!”

Thembela: “Eyona nto igcwele phandl'apha! Into yokuba wena, namhlanje ucele umtshato kuBonisa, eProminade Mall. Ubumkhuphile niyotya pha! Ndiyayazi kaloku bhuti naleyo! Ucinga ukleve wedwa nhe? Ifikile ke nakwezam iindlebe. Ubucinga ukundicelela nini? Ubucinga awuzondixelela ze umane ukhuthula legush yam? Andikho muncu bhuti!”

Mpumezo: “Hay'bo! Ayikho lento uyithethayo! Uyithathaphi into enjalo? Ndicele umtshato? KuBonisa? Yifrend yam ke uBonisa! Asizutshata! Ngubani lo ebekuxelela obo buxoki?”

Thembela: “Igama lomntu liduru kaloku bhuti. Yima ndibuze, akhange uye eProminade wena namhlanje? Akhange niye kwa-Pie City noBonisa? Namhlanje?

Mpumezo: “Ewe, besiyile kwa-Pie City and nam bendiyile eMall. Kodwa baby le yomtshato bubuxoki obudom shame”

Thembela: “Nam ndizibonele ngawam amehlo namhlanje! Ndiniqaphele kwapha ententeni ukuba kukhona okushaya amanzi! Ndlela le benimana nincumelana ngayo! Kucaca naphandle ukuba inkulu enidibanisayo nina. Andikho muncu Mpumezo! And I am abig girl, I can handle the break-up! Qhubeka! Tshata noBonisa!”

Mpumezo: “Nana! Bubuvuvu maaan obu bomtshato! Andicela mtshato mntwini mna! Andizutshata naBonisa mna! Ndithanda wena! Ndifuna wena wedwa! Ndiyakukhumbula!”

Thembela: “Ukuba ubundikhumbula, ubuzondihoya! Ukuba ubundithanda ubuzondikhathalela njengamanye amantombi ahoyiweyo ngawayo amaOW! Ubuzondihlonipha ungahambi nama cherie phambi kwam. Uzazondithatha xa ubundikhumbula! Nam ndiyafa kukukhumbula Mpumezo and indidikile nalento yomane ndizimela mna ngoku. Ndifuna ukutaka njengamanye ama cherie, ndivuke ndakuthanda, ngexesha lam! Iyandibhityisa ke yethu into, le yoba mna ndize apho ebusuku, phinde jike kwasebusuku. Hasuka!”

Mpumezo: “Ndiyakuthanda Thembela! Ndikukhathelele nkosazana! Ndikukhumbula kakhulu nam...! Ndicela ukuza ngoku ndizokuthatha sana! Ndize?”

Thembela: “Ungeza. Ukhawuleze kodwa! Zinyukela u12 ngoku”

Mpumezo: “15min sendilapho! Ndilinde!”

Khwasusu unkabi, wafaka iphone embaneni, wakhulula ibhatyi, wathath isilamba wanxiba sona. Wathi sele esiya ngasecangweni, wajika, waphakamisa umatrasi, waphutha-phutha, wamane empampatha. Caba akayifumani lento ayifunayo, wawuphakamisa wonke umatrasi, wawuxhasa ngentloko, wakhangela ngazo zombini izandla. Ngelingeni wawufumana umpu wakhe! Ewe, umpu wakhe! Wawujonga-jonga, wawosula-sula kakuhle, tshwa esinqeni unkabi sele gxanya ukuya emnyango.

Waathawuza, enkcunkca ukuya ngaseholweni yoluntu...!

Ithini na lento, lomzalwane ukwa nawo nompu?

Masimyeke apho okwangoku uMpumezo, inga izinto ziyalunga kuye. Ekugqibeleni, loThixo amkhonzayo usabonelela nakuye...!

#DOUO

Scene #1.20


Wajikela ke uBonisa kwicala elimsa kwiihoki ezingasemva. Wahamba inga uyachwechwa oku ukuze angavusi abanye abantu okanye inja yalapha egezayo. Kwakucaca ke ukuba lo mnyango aze kuwo uyawazi. Ungqale ngqo kanye kulo ungena barglar bars kanye. Lomkhukhu wawenziwe ngamazinki akudala. Ecaca ngokugqola oku ukuba noko kudala ekho. Yayiloluhlobo lwamazinki omeleleyo. Caba kwase kungasahlali kwa ipaint uhlobo ayegqole ngayo. Yayibukekelela ngasekhohlo ke lehoki, ibuqwanya ke. Icango nkosi yam, nalo sele licaca ukuba kudala kodwa ladibana neenkxwaleko, imimoya, iimvula, ukukhatywa, ukusikwa. Kwakungekho kwa letshi le yovula, kuzibonakelela ukuba eli icango livalwa ngamacingo okanye itsheyna. Wankqonkqoza ke usisiza.

Azange kubekho mpendulo ngaphakathi, kodwa icaca mhlophe ukuba abantu okanye umntu ukhona apha ngaphakathi. Ucango olu lwaluvalwe ngaphakathi ngee velvethi zezikhonkwane. Waqhubeka enkqonkqoza uBonisa kucaca nje ukuba uzosuke ashiywe yimbeko. Wamana ekhwaza igama likaSityhilelo, ukuba makavule. Emana esithi makavule ngoba yena uyagodola. Wakhupha iphone yakhe wazama ukufowunela lo aze kuye. Yakhala ke nale ifowunelwayo iphone ingaphathi apha kule hoki. Yamenza umsindo lento uBonisa!

Bonisa: “S'TYHILELO! VULA OLUCANGO NDINGEKALUKHABI LUNYE MNA!”

Azange kubekho mpendulo, kodwa wavakala ugungqu-gungqu ngaphakathi. Wake walinda usisiza ecinga ukuba kuzakuvulwa, nkqi!

Bonisa: “NDIZOSUKA NDIKHABE LEKAKA YECANGO UKUBA AWUVULI S'TYHILELO! VULA LOMNYANYO! SITYHILELO! VULA! SITYHILELO! OHHH INOBA UHLELI NENTOMBI MSUNWAKHO! IZAKUNYA KE UKUBA IKHONA! VULA NDIYIBONE!

Watsho sele ekhulula izihlangu zakhe ezichophileyo. Wazijula pha ecaleni komnyango, wakhulula iwotshi yakhe nezinye izinto kunye namacici wakhe, itsheyna kunye neebhengile zakhe. Wazibeka ecaleni kwezihlangu kunye nebhayibhile yakhe...!

Wazama ukutyhiliza ucango, kwaye kwacaca mhlophe ukuba sele elwazi apho lubotshwa khona. Kuba walubamba nje maaaarn, waluthi, waluthi, waluthi, suke lwavuma nalo ucango, lwazikhohlelela nalo ucango lwavuleka nkamalala. Yachola-chola izinto zayo intokazi enkulu sele ifutha ngumsindo. Yangena!

Ngoku yayisele isiva ukuba kukhona nelizwana elikhwinayo kwalapha, ilelentombi. Makube urheme engavuli nje ume nematha. Walayita umbane uBonisa ewazi nje ukuba ucofwa phi...!

Ntla ngentombi esele ichophe ngeemphundu inyuke ngodonga pha emiqamelelweni, izigqume amabele. Yayithwele ipeyntihose entloko egcwele oontshontshi, kwakungabonakali namabhanti ebhodi emagxeki kucaca ukuba ilele ze. Wayesele eme ecaleni kwebhedi uSityhilelo, eze kwaye kucaca ukuba kudala ezinika urheme, ngoba waye rhithilili yimikhwinya apha emathangeni kunye nasemiphakathweni. Wayewakhuphe onke amehlo kucaca nje mhlophe ukuba imothusile lento.

Bonisa: “KUTHENI MSUNU UNGANDIVULELI? AWUQHELANGA KUNDIVULELA XA NDINKQONKQOZAYO? KUTHENI?

Sityhilelo” “Yima kaloku baby! Kaloku be...”

Bonisa: “FUTSEK MAAAAARN! SUKUTHI NYHENYHI KUM! MSUNU! UYANDIJOLELA SITYHILELO? NGUBANI LE KAKAKAZI? NGUBANI LENJAKAZI SITYHILELO?”

Sityhilelo: “Sukungxola joh yim...”

Bonisa: “RHA! UNDIQHELA IKAKA SITYHILELO! UYANDIJOLELE UJIKE UTHI MANDINGANGXOLI? UNDIMISA PHANDLE KUBANDA UJIKA UTHI MANDINGANGXOLI? YIKAKA KE LEYO! MSUNU!

Sityhilelo: “Uzovusa aba....!”

Bonisa: “UMSUNU WABANTU! ANDINAXESHA LABO! NGUBANI LE KAKA WENA SITYHILELO? NDIYABUZA BHUTI (Utsho embetha ngempama) THETHA! NGUBANI LENJAKAZI ULELE NAYO?”

Sityhilelo: “Sukundibetha maaarn! Nokuba awumazanga igama lakhe! Cela sithethele phantsi kaloku, sukungxola (Ephepha enye impama eshushu wayokuwa phezu kwebhedi) Yima! Uzolila ke! Zosuke ndikubethe ke”

Bonisa: “UBETHE BA? RHA UNGANYA! UBETHE BA?”

Wakhwela phezu kwebhedi naye phezu kukaSityhilelo, zangena iimpama endode kwataka imifinya. Wawungafunga ukuba kulwa amadoda ndlela le kwakuduntsuzwana ngayo phezuk kwalobhedi. Yaphuma lentombi intswayiza ukuphutha-phutha ezayo iimpahla. Mayibe inxiba lomzuzu kungekeziwa kuyo, kwthi kanti iyibhudile.

Caba uBonisa ucatshukiswe kukubona iintsula zalentombi. Kwacaca mhlophe phandle ukuba idliwe yindoda. Waqonda ukuba makonde ngayo, lo uzakubuya ngaye. Wayibamba ngomqala enga uyayikrwitsha...!

Bonisa: “UYAPHI WENA HULE NDINI? YIZAPHA MSUNU WAKHO! UZAKUNYA MNQUNDU”

Intombi: (Iphutha-phutha uBonisa ngamazipho, kwaye imphakula) “NDIYEKE! NDIKWENZE NTONI MNA?”

Bonisa: “USABUZA KHOZO LAKHO! UFUNA NTONI ENDODENI YAM? UFUNA NTONI KUSITYHILELO? UNGOWAPHI? SUKUNDIKRWEMPA!

Intombi: (Ingaziyekelanga nayo ekulweni) “SUTHI YEYAKHO! INDODA LE YEYETHU! YONA LONDODA YAKHO IBIFUNA NTONI KUM? AKHENGE NDITHI RHUQA IKELVINATOR KALOKU MNA! KHUPHA ISIGAQA SE-ICE SE-ICE ESI UNASO ZE INGEMKI INDODA!”

Bonisa: “ULIHULE GQITHI! LE INDODA YEYAM...!”

Waqhubeka loodulukubhedu womlo. Kwasele kukho namagazana acwekizayo. Intombi le sele imongoza, kodwa ingayekanga ukulwa. UBonisa yena enenxetyana ecaleni komlomo, nalo sele livuzisa igazi. USityhilelo wazama ukubohlula kodwa zazimthi nje thwii ayokuwa ebhedinin ezontombi, ziphinde zibambane inga kukudibaba kwentsimbi nomazibuthe. Kwakungena mpama, nqindi, zipho, mkhatyo, dolo, ngqiniba mfondini. Kwakunzima.

De ngelingeni, wakwazi ukuyifaka ngaphantsi lentombi uBonisa, wayicinezela wayicishilela ngedolo, wazenzela. Yakhala kabuhlungu sele icela amaxolo. Yambongoza ukuba ayivelele ngetarhu, ayiyeke. Wayiyeka ke uBonisa! Wonda ngendoda!

Bonisa: (Eyibambe ngesixhanti wayishwabanisa) “NDITHE NGUBANI LO, NDIYABUZA PHENDULA MNQUNDWAKHO?”

Sityhilelo: (Ekrwitshekile umfo) “NguNolitha!n Uhlala kwezafleth zingangaseBhekela ko 12”

Bonisa: “UFUNA NTONI APHA? UYINTONI KUWE?”

Sityhilelo: “Ndijola naye! Sekulithuba kodwa sithandana! Ndiyakuthanda kodwa wena Bonisa! Mna ndithanda wena! Cela sithethe kaloku Babywam! Masithethe! Oyini love! Cela sithethe torho!”

Bonisa: “SITHETHE NTONI? RHA UYANYA! MAKAGODUKE! MKHUPHE AHAMBE! AND AWUZUYA NDAWO KE WENA! AWUZUMKHAPHA! (Ebhekisa kuNolitha) HAMBA APHA WENA! ZEKE NDIPHINDE NDIKUBONE NJE!”

Nolitha: “Kusebusuku! Ndicela ukuhamaba kusasa! Ndoyika izikoli! Please torho! Andizuphinda ndize apha and ndizokohlukana nendoda yakho!”

Hay'ke! Masime kanye kuloondawo kanye. Izibindi zisephezulu kukulwa kwaba. Sizakuva ukuba kwenzeke ntoni ke kwixesha elizayo! Ungaba uphele egoduka uNolitha?

#DOUO

Friday, 4 October 2013

Scene #1.19


Waye esoyika kakhulu uBonisa, kodwa yayingekho into ethi makajike, aphinde kwihoki kaMpumezo. Kwasele kukude ngemva, kukude kakhulu. Naphambili yayisele ingumgama obalekayo, kwakufuneka ayityhutyha-tyhutyhe iThsephe-thsephe! Phofu idume kakubi ke lendawo, izikoli ziyagqugqisa. Kwakufuneka ewele isiporo, ibe ke baninzi abacholwe ecaleni kwesisiporo sikaloliwe, sele bebanda. Wayethembe ntoni? UThixo? Wayephi ke loThixo kwisininzi esele sadunduluza kweso siporo? Uthembe ntoni bethu?



Wazibona sele ethe thu phezu kwesiporo, engucwethana oceke-ceke ecwayiza ukuhla kwelothambeka. Wake wema imizuzwana, wabheka-bheka, wake wajonga ngasemva. Waziva sele ethatha yedwa ukuba, ingaba bethu udlule njani kweziflet zingcole kangaka? Uphume njani bethu eBarcelona? makube ziphi izikoli elaxesha? Waphinda wayithwisha indlela sele enkcunkca...! Ungalibali ke usisiza uchophisile, kwabanzima ukuwela kakuhle ngokukhawuleza kulomatye esiporo, waxhwathuza ukuhamba oku, selethe thwici amadolo ukuwagoba oku.



Bonisa: (Ethetha yedwa) "Yhu! Adnisayiki ke lonto! Mandikhawuleze, noko sele ndizakufika ekhaya! Ukuba nje ndingaphinyela kweziflethi zalapha eIsland kuba ngcono! Ngekubhetele ukuba bukunohamba-hamba abantu. Ndlela le ndoyika ngayo"



Wayesele esemva kweziflethi zase Island ukuthi thuu kwabantu abahlanu. Babe hamba ngokukhawuleza kwaye kucaca nje ukuba kukho apho babhalele khona. Yayingabafanyana noko abaselula. Wabanda ngoko ke uBonisa sele kusithi rhiphu umbilini, kwabanda amazanzi esisu kwabuhlungu isifuba. Waqondana nabo kwaye ukujika kungasekho. Zizikoli ke ezi! Kwafika lomyalezo kuye ngokukhawuleza. Wabanesasifuthu-futhu singathethekiyo, wabila. Ukujika kwakhe abaleke akunakumenzela nto ngoba ngoku zazisele zikufuphi ezi aphambi kwazo. Zasisele zimqaphele.



Zeza kuye ngexesha elinye. Wamane uchiphiza umchamo inga angawuyeka. Wasuka womelwa ngumlomo. Uvalo lubethela ukuphuma ngomqala, wama nematha zifikile. Wacinga ngeBlackberry phone yakhe, wacinga ngeR250, iwatch, amacici, kunye neerings zakhe. Waqonda mhlophe ke ukuba hay'zimkile namhlanje! Zafika!



Umfana 1: (Esondela esima phambi kwakhe) “Uyaphi ebusuku sisi?”
Bonisa: (Eme bhunxe engcangcazela kukoyi) “Ndiyagoduka bhuti”
Umfana 1: “Uvelaphi elixesha?”
Bonisa: “Ndivela enkonzweni tata! Yho! Bhuti! Uxolo”
Umfana 2: (Emqwalasela) “Yho! Yeyiphi le kerk iphuma ngelixesha sisi?”
Bonisa: “Apostolic Faith Mission International...!”
Mfana 1: “Sukoyika sisi, asizokwenza nto! Yiza sikuweze iflethi ezi”
Mfana 2: “Unyanisile nceku. Akulungangwa ke kwezi flethi, masimthi nje tyishi”
Bonisa: (Engathembanga kwanto) “Hay'enkosi, sele ndizokufuka ekhaya”
Mfana 3: “Sukoyisa sisi, nathi besiye kwenye iWhole-night prayer ye-Movement yolutsha kwalapha, ngoku iphume early, asingethandi sikuyeke uhambe wedwa elixesha. Xa unokudibana nezintwana apha? Uzakuthi whaaaaaaa bani? Yiza sisi!



Kweee ham ke kusisiza, zamfaka phakathi ke ezonceku ukumkhapha oku. Kwangoko waluva uthando lobuzalwane, weva nje ukuba uphakathi kwabantwana bakaThixo. Kwacaca nje ukuba orheme bayalazi eli bandla kwaye bazi umzalwane uMpumezo kulo. Umzalwane ohamba nabo kwezi zinto zolutsha olukholwayo. Wakhululeka usisi lo, zake zacima iingcingane ngoMpumezo ophantse ukumbulalisa.



Umfana 4: “Nisadlalelwa nguSiseko pha ikeyboard?”
Bonisa: “Ewe nceku! Udlala kunye noLwando!”
Mfana 2: “Uyayidlala ke inyama lamjita! Wasoloko wafuna ukudlala usthole qho xa ebambe ikeys”
Mfana 5: “Ha! Ha! Ha! Ha! Uyadlala kodwa nje umeck...!”
Mfana 3: “Hasuka! Udlala itswele maaaaarn!”
Mfana 4: “Unomona kanene! Ubuxakwe yi-Transposer ngoku ke wena!”
Mfana 3: “Umbonile nje lamntana ebehlabela pha ukuba uvele wane loops, wamane etshintsha-tshintsha. Ngenditheni ke?
Bonisa: (Ekhululekile) “Haaaaa! Hayini aba! Ninomona kodwa shame! Uyadlala uSiseko qha ke! And uyanogqitha ke! Umona phantsi! Naku ke ekhaya! Enkosini bethunana, uThixo anisikelele”
Mfana 1: “Kulungile sisi! Ungaphinde uhambe wedwa ebusuku wethu maaaarn”
Bonisa: (Evala igate) “Andiphinde tu! Enkosi”



Bohlukana!



Mfana 2: “Hay'bo? Akukho kulo Sityhilelo nha apha? Bendingayazi ukuba kukho umntana omhle kangaka pha!”
Mfana 5: “Hay'bo? USityhilelo une sister? Asiyomedi yakhe le?”
Mfana 4: “Ndiyakhumbula maaaan! Akukho ntombazana kulo Sityhilelo! Lo makube simkhaphe etaka! Haaaaaaaa!”
Mfana 2: “Eish, bendizishaya ngaye ke mna! Dzerrrrrrr”
Mfana 3: “And intle le kanjani! Tjiooooo! Uligwala mfethu! Umyekile maaaaarn!”



Masibayeke ke abafana be Movement besatyholana...! Ingaba kwenzeke ntoni ke kuBonisa? Uyokwenzani kulo Sityhilelo? Akagodukanga nha kanti? Ndisuke ndaxakwa ke ngoku....! Ucinga kwenzeka ntoni wena mlesi?



Sibonane kwithuba elizayo ke bonorotso bethu...!



#DOUO

TESTIMONY TIME - FAN (INBOX)

Ws 1 of youth leaders & he was the worship team band leader, I wasn't into dating coz my ministry too 1st priority, weza wathi uyandthanda & he wants us 2 grow old togather & I believed him as all my other church friends, I had a good job and earning 4X his salary so I told myself ba ndizamqhuqha u fiance wam sitshate noko umgangatho nakuye uphezulu & I prayed as I do 4 any blessing bs uThixo angenelele, 3 months later his true colors showed, he had inumbers zawo onke amantombi asenkonzweni & flirting wth them ku whatsapp & sleeping wth some of them. Yes I ws hurt bcz wandiphoxa and I felt embarassed evn noya enkonzweni coz lamantombi akhe aqala nondigezela bt through God's grace I survived. He is still the band leader & still a player as always, so le diary touches 2 izinto tht actually happens.

#DOUO