Umbuliso...!
UMpumezo usendleleni evela emvuselelweni ukufumana kwakhe icall evela komnye wabazalwane akhonaza naye;
Mpumezo: (Ethetha efowunini) “Akhange ndibone mna lonto mzalwane wam. Yenzeke nini kanye?”
Siyabulela: “Kanye ngelixesha uthandazela lamfo ebesamkela uYesu...!”
Mpumezo: “Heee?”
Siyabulela: “Ndikuxelela ukukuxelela mfondini. Kaloku wena ubusizele ngomva, andithi? Ngoku lamfundisi
uxakekile uxambulisana noThembela, kodwa ke okwangoku sona isizathu
asikaziwa, kodwa iyakrokreleka imbangi yoko. Into yokuba umfo lo, unento
yokwenza nosisiza lo, kodwa basayiqhushekile”
Mpumezo:
(Esamangalisekile) “Mfondini akulunganga ukuxoka ngendoda ka Thixo,
kwaye uyakukohlwaya uThixo uthi saaaa inzwane mkhonzi...”
Siyabulela: (Ehleka) “Kaloku mfo ka bawo! Lamfo usibetha sithi saa
isono. Iyasothusa ithi kanti naye udada kuso, kwaye uyasitya”
Mpumezo: (Ebheka-bheka elungiselela ukuwela indlela) “Iyandidanisa ke
lento undixelela yona mfo s'caka. Kaloku, xa ukholwa, akukhathaliseki
nokuba usityela ehotele isono, isekwasiso isono kwaye u...!”
Siyabulela: (Engenelela) “Nokuba ungasitya nge FORK and KNIFE mkhonzi? Isekwasiso?”
Mpumezo: (Ephelile yintsini) “Nokuba usigalele iAROMAT kaloku nceku, sisono eso!”
Siyabulela: “Ndiyakuva ndoda ka Thixo! Abazalwane basadinga
ushunyayezwa ngakumbi mhlobo wam. Basaqubha kuso isono kwaye bade bathi
kunzima ukuphuma kuso.
Mpumezo: “Ingumsebenzi wethu ke leyo
ntanga. Kumele siqinise ngakumbi ukushumayela, singene ngakumbi endimeni
kwaye sime phakathi komtyholi nabantwana bakaThixo.
Siyabulela: “Ndiyakuva ntanga, ndikuwe kwelo”
Mpumezo: “Sidinga amadoda neentombi ezizakumela inyaniso enguKrestu!
Silwe isono! Silwe impi ka Sathane (Evulwa kwigumbi lakhe langasemva
kokwabo) ukunqoba kokwethu kwaye sinako, ntanga”
Siyabulela:
“Ndinawe nakwelo wakuthi. Thina sizindlalifa zezulu, sizizo izitya
zokuphatha imfihlakalo...! Mandikuyeke uphumle nto yakuthi. Ushumayele
ke namhlanje kulamvuselelo. Ubugcwaliswe ngamandla avela enyangweni
kwaye ubuvutha bhe! Ulale kakuhle ke mkhonzi”
Mpumezo: “He! He! He! Kwekh, ndiyabulela mfo kabawo. Ulale kakuhle nawe...! (Alubeke ucingo)
UMpumezo khulule isuti kanokutsho ayifake ewodrophini yakhe. Abethe
ngesikipa sodwa kunye noshoti wangaphantsi kuphela. Phezu kwebhedi yakhe
kwaye kugcwele imfuxu-mfuxu yeempahla zakhe, kwakuzo kukwakho ezimdaka
kunye nazo ezicocekileyo zikwakhona. Urheme akhange ondlule kwasekuseni
evuka. Kwalapha phantsi kuthe saa izihlangu, izikhindi, iikawusi,
amaqhina, iincwadi kunye nezitya ebetyela kuzo.
Uzijule phezu kwebhedi umfo omkhulu kwaye ekude ngokweengcingane;
“Njani uThembela axambulisane nomfundisi phakathi kwabantu nokwenza?
Ibe bekukudala ndimxelela ngalento yena eyiphika. Le yokuba udyola
noMruti. Kum, uyiphika ame ngomlenze omnye kwaye andityhole
ngokungamthembi. Lo mfo icacile uyathandana noThembela. USiyabulela yena
ingaba akakrokreli nto ngam nothembela? Ukuba ikhona into ayaziyo,
kutheni angandibuzi? Kutheni angake andith chwethe nangayo lonto?
Ndimazi kaloku akamfuni umntu ophuma ecaleni. Ukuba bendiphangela,
bendizakusuka ndimtshate uThembela kuphele ukuxoxa, ndiphume esonweni,
ze nam ndikwazi ukusilwa kakuhle isono. Kodwa, uThembela yena
ndiyamthanda kwaye ndijonge lukhulu ngaye. Mhle, ucula kamnandi,
uyakwazi ukuthandaza, uyakwazi ukuvula inkonzo, uyakwazi ukwamkelisa
umntu uYesu. Kwaye unothando....! Make ndimfowunele!”
Aqubule
iphone yakhe, akhangele igama lika Thembela kwi phone yakhe, amfumane;
amtsalele umnxeba. Ngelishwa ithi kanti ivaliwe. Azame kwakhona! Nkqi!
“Iyandikrokrisa ke lento...! Makube utheni bethu? Inoba iflethi kodwa!
Phofu ndakuzama ukumfounela kusasa. Lonto suke ndalamba. Sekuvaliwe
endlini. Mandizame ukujonga ama-Somalia ukuba andinakufumana isonka
nefrentshi na, okanye ndiyojonga icala lentloko yegusha
kwaMaMqhinebe...! Akuzithwa ndiyaziminca na apha ekhaya xa ndilahla
amathambo kusasa? Phofu nditya imali yomnikelo kaloku...! Mandninxibe
ndiye...!”
Alungiselele ukuyothenga...!
#DOUO
No comments:
Post a Comment