Friday, 4 October 2013

Scene #1.9

WhatsApp convesation.

Sizeka: “Chocho! Yithi uyadlala! UBrother Mpumezo? Yhoooooo #Shocked#”

Bonisa: “LOL! Crus ke tana”

Sizeka: “Hay'bo kanti akasindiswanga nha umshumayeli nha?”

Bonisa: “Vele nda shocked sana”

Sizeka: “Kothuke mna sana kaloku! UMpumezo?”

Bonisa: “Yena kanye chomp”

Sizeka: “So ke chomie, wena ke ngoku wathini?”

Bonisa: “Ndithe masiyincokole via WhatsApp ngelinye ixesha, kodwa akakandiWhatsAppeli ke sana”

Sizeka: “Yho! Ok! Kutheni ndine-feeling yokuba ikhona into ondifihlela yona Bonisa? You can tell me everything kaloku my friend...!”

Bonisa: “Ha.a chomie andikufihleli nex, kodwa ewe shame nam ndiyamthanda ubhutiza and if naye unyanisile ngam, I will go for it”

Sizeka: “Hay'wena? Umzalwane? Estrict kangaka ubhut'Mpumezo Bonie? Tjiiioooooooo! Inoba sana nizotshata straight nina kaloku...!”

Bonisa: “Kodwa Zeka, uMpumezo mhle, unxiba kakuhle, usoloko enuka iperfume kamnandi, ucula kamnandi, uyashumayela and uyathandeka shame coz uyafikeleleka. Akafani nabanye abazalwane, ufike benxibe iibhatyi ezimbatshileyo, ezakdala, ezikrazukileyo and ke sana, who knows ndingatshata soon...! Indala kaloku intombi and naye umfana usexabisweni lokutshata!”

Bonisa: “Yhooooooo! Yesana! Umthandile uMpumie nhe? Ndiva kwa indlela le oncokola ngayo ukuba awuzukuliwisa tu...! Heeeeeeeeee! Ukunyobe nge pie wanxila sana ngoku sele umfuna apha!”

Bonisa: “LOL! Khayeke forin, lisoka eliya and ke akahlalwa ntombi pha ekerk, so akanamntu, izoba ngowam ndodwa yaqonda! Kwaaaaaaaaa! Sana let me go, iTEATIME yam sele iphelile! See you later”

Sizeka: “Ok ke sana! Cela undiphathele ipanini ke uvile, zokubhatala”

Bonisa: “OK! Byeeeeeeeee mncwaaaaaaa! Love you!”

Yavele nje yatyhileka lentombi kucaca ukuba inga sele imqomile uBrothers! Wasuke wahlala engqondweni yakhe umfo lo imini yonke. Suke ahleke yedwa, suke, ancume yedwa, suke uve sele ebhude ngegama lika Mpumezo xa encokola kula thili asebenza kuyo. Noko kwakungaxakekwanga namhlanje, kwaye nje nasevenkileni kuphole nje kakuhle. Umfanekiso kaMpumezo kweyalentombi ingqondo wawuthe thaa! Kwekh, uthandiwe umfo apha suka!
Kumanxa ephi kanene uMQwathi omde?

Uzigqibe zonke ke umfo omkhulu iivenkile zempahla zamadoda. Ethenga zihempe, zikipa, zihlangu, mabhanti, zijezi, amaqhina kunye nempahla yangaphantsi. Kwacaca nje mhlophe ukuba uya ephumeal nakulemali ebezothenga ngayo lamafutha ebeyaleziwe ukuba aze athenge wona. Wathenga izinto zothambisa umfo omkhulu, kaloku waziwa ngazo, umva eseza pha kude ze uqonde ukuba iQwathi elihle ligalelekile.

Uzakuxoza mphini wuphi malunga neOIL?

Asazi....!

# DOUO

No comments:

Post a Comment