Friday 4 October 2013

Scene #1

Kungentsimbi yeshumi elinanye ezinzulwini zobusuku. Phandle kukhanyise izibane zikagezi, kumhlophe wee. Kuthe cwaka, kuvakala kuphela ukukhonkotha kwezinja, izithonga zemipu, imigqumo yeemoto ezihamba ku friwey. UMpumezo usajijisana nomhlathi (ithambo) wentloko yegusha, ubile umanzi umanzi kukurhuza intloko etyebileyo yegusha. Ume nge loaf yesonka kunye ne 1.5l yeCOKE. Ngeloxesha ufake iDVD yemvuselelo yeGod's Army, umane engqisha unkabi kucaca nje ukuba uyayiva...! Ngesaquphe, suke kukhonkothe izinja kanobom, kucaca nje ukuba zikhontotha umntu. Khwasu indod'enkulu yaqhusheka lantloko phantsi kwebhedi, yathath isonka yasithi tshwa ekhabhathinin encinci, hlasi idrinki wayithi sithe emva kwekhabhathi. Yekake ukuqubula isikipa adibene naso phantsi wazosula ngaso, efihla ubungqina!

Kwavakala kunkqonkqozwa emnyango!

Ilizwi lomntu ongusisi: (Ebusebeza) “Mpumie! Vula ndim”

Mpumezo: (Ebheka-bheka) “Yima kancinci ndiyeza” (Wakhawulezisa ukususa iimpahlam phezu kwebhedi)

Ilizwi lomntu ongusisi: “Khawuleza ndiyoyika mna kaloku”

Mpumezo: (Esusa izihlangu nezinye izinto eziphantsi. Waqonda emnyango akugqiba) “Ndiyavula ngoku. Ngena! Oh! Nguwe Thembi sana”

Thembela: (Engena ngaphathi) “Yintoni ke le ubusayifihla? Khona kutheni ungayanga kundithatha Mpumezo? Awundicingeli nhe? Awuyazi ukuba kuyakhuthuzwa kulengingqi yakho? Ndiyabuza sukumaya-mayaza”

Mpumezo: (Emanga) “Kaloku, ndizamile mna ukufowunela. Suke yangena kwivoicemail...!”

Thembela: (Echopha phezu kwebhedi) “Nyhani? Isuke yacima iphone yam and andiyazi nokuba iphelelwe yibaterry nha. Yho! Ushumaye kodwa mnt'wam namhlanje! Ndeva ndincuma! Kanti unadibonile umfundisi...! Wa...!”

Mpumezo: (Engenelela) “Ndivile ngalamxambuliswano wenu! USiyabulela undixelele. Nangona engayazanga intsusa okanye unobangela. Bekutheni nha?”

Thembela: “To be honest. Uyayazi umfundisi ukuba ndihlobene nawe. Kwaye yenzeke ngendlela engaqondakaliyo, caba ndibhude ngegama lakho ndihleli naye”

Mpumezo: “Uhleli naye? Ubhude ngegama lam? Benihleli phi? Nisenzani nobabini? Iyintoni ebhudisa ngegama lam?”

Thembela: “Ebeye pha endlwini, ezondicela ukuba ndimhlabelele kule mvuselelo ngomso kuba kuzabe kushumayela yena. So, ufuna ukushumayela ube uhlile uMoya oyiNgcwele and sana uthi akafuni kutshayelelwa ziDEVIL WORHIPERS yena...!”

Mpumezo: “Ngoku ibe yintoni ibhudisa ngegama lam?

Thembela: “Makube bendikukhumbula mnt'wam haypowna!”

Mpumezo: (Encumela ecaleni) “Ubundikhumbula na sana?”
Thembela: (Ebobotheka luncumo naye) “Ayibuzwa kaloku s'thandwa sam”

Mpumezo: (Echopha naye ecaleni kwakhe ebhedini. Amgone) “Tjioooo! Oko bendikucinga nam nkosazana yam. Noko lide elithuba kwaye ndikukhumbula ngoku ulapha phambi kwam.

Thembela: (Ebeka intloko yakhe esifubeni sika Mpumezo) “Ewe nhe! Sendilapha ke nana wam! Ndize ndonke!”

Suke uMpumezo wamphuza uThembela. Wabuyisa intloko, wamjonga, emthe nsho emehlweni. Waphinda wamphuza, emsondeze wonke kuye esifubeni. Suke yabila indoda enkulu inga ifikelwe nguMoya oyiNgcwele, suke yanesifuthu-futhu ngesaquphe. Yehla amanzi ebunzi mfondini!

Bamungunyana bephuzana, bemana kutsalana ngamalwimi, inga bayalumana, nabo betsalana ngemilebe mfondini inga bamunca iiICE CREAM.

Umfo omkhulu uzifake zaphelela izandla zakhe ngaphantsi kwesikeyti, ephutha-phutha eyaziwa nguye. Usisiza yena ezakhe izandla zijikeleziswe entanyeni endodeni, inga ukhululekile.

(Ungalibali ke ukuba iDVD yeGODS ARMY isadlala etivini kwaye umile umkhonzi kaThixo umam'Mahlaba esithi; “ISONO SE SEX SIYAYITHINTELA INTSENENZO KA THIXO”)

UMpumezo wamlalisa uThembela ngomqolo ebhedini, wakhwela yena phezu kwakhe. Ngeloxesha ulibethe laphelela ulwimi lwakhe emlonyeni wentombi. Wazama ukuyikhulula impahla zayo intombi, de yashiyeka ze. Waphatha kumane edlala ngamabele wayo, athi ewamunca suke awaphulule, athi ewankamfula suke awalence kuye le kuye le. Ngelo xesha intombi inga ithetha lwimi zimbi kukuva kamnandi, kwaye ide inge iyagula kukuncwina oku kwayo. Akukho ndawo wayengayibambi umfo omkhulu, kuseGcibhala kuye kwaye emnandelwe. Yabonakala ukuba idikwe yeyokosa intombi, suke yanga ingamqhawulela impahla intombi ukumkhulula oku lo mfana, sele ingxame ingakwazi kulinda. Wade wagqitywa ukhululwa umfana, yenziwa le ibikade ilindelwe...!

Hay'ke andingekwazi ukuyichaza yonke!

Kodwa ndingatsho ukuba; Umzimba ka Mpumezo yainga ufunyenwe ngamafufunyana ukusebenza oku kwawo, ubile uthe xhopho. Isipidi owawuhamba ngaso phezu kuka Thembela wawungafunga ukuba lomfo wayesukela impuku emke nendlebe kulantloko yegusha iphentsi kwebhedi. Wawungafunga nawe ukuba usisi unyenwe ngamafufunyane, indlela le waye ngxola ekhala ngayo, kodwa longxolo yayiyeyomntu ova kamnandi.

Ngelingeni umfo omkhulu wayekelela umzimba wathi folokohlo ecaleni kowentombi, kucaca mhlophe ukuba uye ngamandla kwaye uzikhile ekuwuleqeni. Wathatha ngokutsala into ekufutshane wazosula, suke yatoxo-toxo kwayona kukuba manzi lonto, wayeka. Yayingathi uThembela akekho kwelo gumbi, ethe cwaaaaakaaaaaa! Emamele umzimba!

Yaqhube iDVD yeGORD'S ARMY isatsho ukuba; “Isono, siyayithintela intsebenzo kaThixo.

Thembela: (Echolo phantsi, ebunyaba) “Ndilambile kodwa my love. Akukho nto ityiwayo apha?''

Mpumezo: (Ezama ulungisa iingubo, kulalwe) “Akukho kwanto apha ke love”

No comments:

Post a Comment