Saturday 5 October 2013

Scene #1.20


Wajikela ke uBonisa kwicala elimsa kwiihoki ezingasemva. Wahamba inga uyachwechwa oku ukuze angavusi abanye abantu okanye inja yalapha egezayo. Kwakucaca ke ukuba lo mnyango aze kuwo uyawazi. Ungqale ngqo kanye kulo ungena barglar bars kanye. Lomkhukhu wawenziwe ngamazinki akudala. Ecaca ngokugqola oku ukuba noko kudala ekho. Yayiloluhlobo lwamazinki omeleleyo. Caba kwase kungasahlali kwa ipaint uhlobo ayegqole ngayo. Yayibukekelela ngasekhohlo ke lehoki, ibuqwanya ke. Icango nkosi yam, nalo sele licaca ukuba kudala kodwa ladibana neenkxwaleko, imimoya, iimvula, ukukhatywa, ukusikwa. Kwakungekho kwa letshi le yovula, kuzibonakelela ukuba eli icango livalwa ngamacingo okanye itsheyna. Wankqonkqoza ke usisiza.

Azange kubekho mpendulo ngaphakathi, kodwa icaca mhlophe ukuba abantu okanye umntu ukhona apha ngaphakathi. Ucango olu lwaluvalwe ngaphakathi ngee velvethi zezikhonkwane. Waqhubeka enkqonkqoza uBonisa kucaca nje ukuba uzosuke ashiywe yimbeko. Wamana ekhwaza igama likaSityhilelo, ukuba makavule. Emana esithi makavule ngoba yena uyagodola. Wakhupha iphone yakhe wazama ukufowunela lo aze kuye. Yakhala ke nale ifowunelwayo iphone ingaphathi apha kule hoki. Yamenza umsindo lento uBonisa!

Bonisa: “S'TYHILELO! VULA OLUCANGO NDINGEKALUKHABI LUNYE MNA!”

Azange kubekho mpendulo, kodwa wavakala ugungqu-gungqu ngaphakathi. Wake walinda usisiza ecinga ukuba kuzakuvulwa, nkqi!

Bonisa: “NDIZOSUKA NDIKHABE LEKAKA YECANGO UKUBA AWUVULI S'TYHILELO! VULA LOMNYANYO! SITYHILELO! VULA! SITYHILELO! OHHH INOBA UHLELI NENTOMBI MSUNWAKHO! IZAKUNYA KE UKUBA IKHONA! VULA NDIYIBONE!

Watsho sele ekhulula izihlangu zakhe ezichophileyo. Wazijula pha ecaleni komnyango, wakhulula iwotshi yakhe nezinye izinto kunye namacici wakhe, itsheyna kunye neebhengile zakhe. Wazibeka ecaleni kwezihlangu kunye nebhayibhile yakhe...!

Wazama ukutyhiliza ucango, kwaye kwacaca mhlophe ukuba sele elwazi apho lubotshwa khona. Kuba walubamba nje maaaarn, waluthi, waluthi, waluthi, suke lwavuma nalo ucango, lwazikhohlelela nalo ucango lwavuleka nkamalala. Yachola-chola izinto zayo intokazi enkulu sele ifutha ngumsindo. Yangena!

Ngoku yayisele isiva ukuba kukhona nelizwana elikhwinayo kwalapha, ilelentombi. Makube urheme engavuli nje ume nematha. Walayita umbane uBonisa ewazi nje ukuba ucofwa phi...!

Ntla ngentombi esele ichophe ngeemphundu inyuke ngodonga pha emiqamelelweni, izigqume amabele. Yayithwele ipeyntihose entloko egcwele oontshontshi, kwakungabonakali namabhanti ebhodi emagxeki kucaca ukuba ilele ze. Wayesele eme ecaleni kwebhedi uSityhilelo, eze kwaye kucaca ukuba kudala ezinika urheme, ngoba waye rhithilili yimikhwinya apha emathangeni kunye nasemiphakathweni. Wayewakhuphe onke amehlo kucaca nje mhlophe ukuba imothusile lento.

Bonisa: “KUTHENI MSUNU UNGANDIVULELI? AWUQHELANGA KUNDIVULELA XA NDINKQONKQOZAYO? KUTHENI?

Sityhilelo” “Yima kaloku baby! Kaloku be...”

Bonisa: “FUTSEK MAAAAARN! SUKUTHI NYHENYHI KUM! MSUNU! UYANDIJOLELA SITYHILELO? NGUBANI LE KAKAKAZI? NGUBANI LENJAKAZI SITYHILELO?”

Sityhilelo: “Sukungxola joh yim...”

Bonisa: “RHA! UNDIQHELA IKAKA SITYHILELO! UYANDIJOLELE UJIKE UTHI MANDINGANGXOLI? UNDIMISA PHANDLE KUBANDA UJIKA UTHI MANDINGANGXOLI? YIKAKA KE LEYO! MSUNU!

Sityhilelo: “Uzovusa aba....!”

Bonisa: “UMSUNU WABANTU! ANDINAXESHA LABO! NGUBANI LE KAKA WENA SITYHILELO? NDIYABUZA BHUTI (Utsho embetha ngempama) THETHA! NGUBANI LENJAKAZI ULELE NAYO?”

Sityhilelo: “Sukundibetha maaarn! Nokuba awumazanga igama lakhe! Cela sithethele phantsi kaloku, sukungxola (Ephepha enye impama eshushu wayokuwa phezu kwebhedi) Yima! Uzolila ke! Zosuke ndikubethe ke”

Bonisa: “UBETHE BA? RHA UNGANYA! UBETHE BA?”

Wakhwela phezu kwebhedi naye phezu kukaSityhilelo, zangena iimpama endode kwataka imifinya. Wawungafunga ukuba kulwa amadoda ndlela le kwakuduntsuzwana ngayo phezuk kwalobhedi. Yaphuma lentombi intswayiza ukuphutha-phutha ezayo iimpahla. Mayibe inxiba lomzuzu kungekeziwa kuyo, kwthi kanti iyibhudile.

Caba uBonisa ucatshukiswe kukubona iintsula zalentombi. Kwacaca mhlophe phandle ukuba idliwe yindoda. Waqonda ukuba makonde ngayo, lo uzakubuya ngaye. Wayibamba ngomqala enga uyayikrwitsha...!

Bonisa: “UYAPHI WENA HULE NDINI? YIZAPHA MSUNU WAKHO! UZAKUNYA MNQUNDU”

Intombi: (Iphutha-phutha uBonisa ngamazipho, kwaye imphakula) “NDIYEKE! NDIKWENZE NTONI MNA?”

Bonisa: “USABUZA KHOZO LAKHO! UFUNA NTONI ENDODENI YAM? UFUNA NTONI KUSITYHILELO? UNGOWAPHI? SUKUNDIKRWEMPA!

Intombi: (Ingaziyekelanga nayo ekulweni) “SUTHI YEYAKHO! INDODA LE YEYETHU! YONA LONDODA YAKHO IBIFUNA NTONI KUM? AKHENGE NDITHI RHUQA IKELVINATOR KALOKU MNA! KHUPHA ISIGAQA SE-ICE SE-ICE ESI UNASO ZE INGEMKI INDODA!”

Bonisa: “ULIHULE GQITHI! LE INDODA YEYAM...!”

Waqhubeka loodulukubhedu womlo. Kwasele kukho namagazana acwekizayo. Intombi le sele imongoza, kodwa ingayekanga ukulwa. UBonisa yena enenxetyana ecaleni komlomo, nalo sele livuzisa igazi. USityhilelo wazama ukubohlula kodwa zazimthi nje thwii ayokuwa ebhedinin ezontombi, ziphinde zibambane inga kukudibaba kwentsimbi nomazibuthe. Kwakungena mpama, nqindi, zipho, mkhatyo, dolo, ngqiniba mfondini. Kwakunzima.

De ngelingeni, wakwazi ukuyifaka ngaphantsi lentombi uBonisa, wayicinezela wayicishilela ngedolo, wazenzela. Yakhala kabuhlungu sele icela amaxolo. Yambongoza ukuba ayivelele ngetarhu, ayiyeke. Wayiyeka ke uBonisa! Wonda ngendoda!

Bonisa: (Eyibambe ngesixhanti wayishwabanisa) “NDITHE NGUBANI LO, NDIYABUZA PHENDULA MNQUNDWAKHO?”

Sityhilelo: (Ekrwitshekile umfo) “NguNolitha!n Uhlala kwezafleth zingangaseBhekela ko 12”

Bonisa: “UFUNA NTONI APHA? UYINTONI KUWE?”

Sityhilelo: “Ndijola naye! Sekulithuba kodwa sithandana! Ndiyakuthanda kodwa wena Bonisa! Mna ndithanda wena! Cela sithethe kaloku Babywam! Masithethe! Oyini love! Cela sithethe torho!”

Bonisa: “SITHETHE NTONI? RHA UYANYA! MAKAGODUKE! MKHUPHE AHAMBE! AND AWUZUYA NDAWO KE WENA! AWUZUMKHAPHA! (Ebhekisa kuNolitha) HAMBA APHA WENA! ZEKE NDIPHINDE NDIKUBONE NJE!”

Nolitha: “Kusebusuku! Ndicela ukuhamaba kusasa! Ndoyika izikoli! Please torho! Andizuphinda ndize apha and ndizokohlukana nendoda yakho!”

Hay'ke! Masime kanye kuloondawo kanye. Izibindi zisephezulu kukulwa kwaba. Sizakuva ukuba kwenzeke ntoni ke kwixesha elizayo! Ungaba uphele egoduka uNolitha?

#DOUO

No comments:

Post a Comment