Friday 4 October 2013

Scene #1.6

Kungokuhlwa!

Umama kaMpumezo ubuya emsebenzi, udinwe uphelile. Afike fuquza endlini bubumdaka. Iimbiza zotshele, izitya zithe mome bubumdaka. Isinki inga yiteksi eya E-Lady Frere mfondini, izele iyaphuphuma. Iimpuka zindanda phezu kwezitya ngathi zezinqwelo-ntaka zomkhosi weemfazwe. Amaphela ayadakasa de ameme kwa izihlobo nezalamani imbala. Kukho icephe phantsi, ifolokhwe kwi payile lokukha amanzi, ifayidukhwe isemrhusini embizeni, kukwakho neencwadi zesikolo kwalapha, kucaca igenge yesikolo ivele yakhululela kwalapha, izihlangwana naziya, neebhlukhwana zoonkabi naziya. Phantsi kukwakho intshekela ye rice, amaxolo amazambane kunye netswele athe saa kwalapha phantsi, namaphetshana okusongela iBEEFSTOCK nawo akwalapha!

Caba le genge yesikolo ithe yakungafumani isonka njengesiqhelo. Yaqubula irice namazamabane, yenza is'QA-rice esikhuwulwzileyo. Kwagqitywa kwaphakwa sintlaka-ntlaka sinjalo, kaloku lona ithumbu liyamkela torhwana.

Uyayazi ke le genge, wakuqina lomhlaba usentla kwesinqe, kucingwa ngodlala qha ke ngoku. Kudakaswe, kupetsulwe, kuduntsuzwane ke kube mnandi.

Umama ka Mpumezo ushwabule eyedwa;

“Andizuyazi ke le yenzeka kulendlu! Kuyacaca nje loMpumezo akakhange aqalise ukuphatha kwa icephe ke apha! Endaweni yokucutheka ezi izitya suke zongezeleleka qha! Khona! Iyintoni ephekisa i-rice ndibe mna ndiyishiyile iR20 yesonka nobisi? Makube loMpumezo akyenzanga lonto? Makube uthenge ngayo iAirtime ze enze loMxit wakhe? Okanye uye ngayo ententeni? Baphi bona abantwana? Ngoba le into yona iyacaca ngabo abazenzeleyo!”

Wothule ibag yakhe ayiphatha emsebenzini. Wakhupha iziqwentshu eziqhiniweyo kunye nee tea bag ezininzi, iswekile, amagaqa amatswele, izinto zothambisa, iliquid yokuhlamba izitya kunye nesepha engumgubo. Uqwele ngokukhupha iplastikana enamaqathana abalekayo enkukhu ekrwada...! Kwekh! Uthuthile uMamzo naye kwa merem...! Undiqwela ngokusuka aphutha-phuthe emabeleni, rhuthu amacephe amathandathu, ekucaca kudala ewaqhusheke apho, ngoba uke wazonwaya ecimele kucaca ukuba uzonwaya kamnandana. Wajikela ngasekamerweni, waphosa ibag yakhe nezinye izinto. Wanxiba iApron yakhe, izinto zorhuqisa. Kucaca nje phandle ukuba uya kweladabi lezitya!

Ndiyamvela kodwa mna bethuna, usuka kwa-merem, aphao asebenze imini yonke, nalapha endlwini? Kanti uyintoni umsebenzi kaMpumezo apha kokwabo?

Masibuyele ententeni.

Besisatsho ke;

Aw! Yangena indedeba madoda! Yangena sele yenze amabatha kakathe zezincandweni izinxibileyo. Mhle kodwa umzalwane uMpumezo! Wangena sele encume kakade mfondini! Imfanele isuti yakhe eshaynayo! Uzikhile umfana nkosi yam! Zamane zisolathisana ngaye ke iintombi!

Waqonda entla ke apho zihleli khona iintanga zakhe mfondini. Sele endwayizisa amehlo, ephunguzisa amehlo, sele elaqazisa amehlo unkabi kucaca ukuba ikho le ayikhangelayo. Yima ndikuxelele, kaloku unkabi wamkelwe ngamantombazanana angabaququzeleli (Ushers) ze bamkhokelela kwindawo le amele kukhlala kuyo. Bamenzele izibele, bamphathise iBIBLE yakhe kunye nale tawuli osula ngayo umbilo, bakhokela ke bemfake phakathi. Unkabi inga yinkosana ethile. Yayinga ufake ibholana apha phakathi kwemilenze ndlela le awayengadibani ngayo amathanga akhe. Wayetshawuza kwaye encume inga ushiywa yitreyn eya emthatha.

Lindelwa: (Ekhwaza) “Ndicela bangcwele sonke nje sibethele indoda kaNkulu-nkulu izandla! Yiyizela mama! Yiyizela ntombi! Shaya amakhwelo nsizwa! Samkele the man of God brother Mpumezo esangena! Haleluya! Haleluya! Haleluya!”

Yeka ke ukutsho kwengxolo inga kwamkelwa uJulius Malema eholweni yoluntu. Kwaqhwatywa izandla, kwatsho amakhwelo, bayiyizela yayingxokolo. NoSiseko ngapha nalantwana ancedisana nayo bezibetha ezakeyboards, wawungafunga ukuba akhona amaqhosha ophukileyo.

Lindelwa: (Ethetha nje kakuhle) “Amen! Amen! Glory to Jesus! Makabongwe uYesu! Er, bangcwele elam nje ixesha liphelile! Haleluya! Ngoku ndizonikezela inkonzo kwindoda ka Thixo. Indoda emthandayo kakhulu uYesu! Amen! Uzoqhuba inkonzo yomnikelo bangcwele! Amen! Ndicela simphakamise nje ngengoma, ize indoda ka Thixo ize ngaphambili! The young Apostle! The young Prophet! The Young Teacher! The Youth Pastor! Brother Mpumezo!!!!!!!!!!”

Uthe uLindelwa esazama ukuhlabela ingoma emakaphakamise ngayo lomfo wakwa Thixo....! Suke ngesaquphe, uThembela wahlabela ingoma kwaye ibandla lamthatha;

Thembela: (Ecula) “Baleka! Baleka! Baleeeeeeeeeeka! Ngenyawo zombini!”

Hay'ke! Uyabazi ke abasisana bendithethe ngabo, aba ingabahlabeleli. Bayithatha inga bebemlindele uThembela. Wenyuka naye wayokwamke iMIC usisiza wahlabelela!

Kwewu! Ndiyamthanda kodwa loMpumezo!

Waqale wake wajiwuzisa isinqe ke unkabi kucaca ke ukuba uyayiva. Waqhwaba izandla ke nebandla limlandela, aphathe kuxhuma-xhuma ke ishukume yonke indlu. Andiyazi ke mna nokuba ushukunyiswa lelalizwi limnandi lika Thembela okanye nguSiseko nomhlobo wakhe nha? Aba babetha iikeyboard okanye uva ulonwabo lomphefumlo wakhe. Kwacaca ukuba hay unkabi ualitya elixesha lakhe ebekumele uthetha ngalo. Ebile inge kungela kanye ixesha ebenantsika ngalo noThembela. Ayintyilozi intombi kucaphuka umfundisi! Kwekh lomfundisi...!

Ngelingeni umfo ka Mqwathi waphakamisa izandla ecela kuhlalwe phantsi, wamkela iMIC kuThembela, wabulela, encume inga usikelwe etyebileyo.

Mpumezo: (Esosula umbilo nge tawel yakhe) “Malibongwe igama lenkosi”

Ibandla: (Livumela phantsi. Kaloku ulikhefuzisile unkabi ngoku basasela umoya) “Ameeeeen!!!!!”

Mpumezo: (Ekhwaza) “Nilele na bazalwane? Niskhona! MAAAAALLLLLIIIIIIBBBBBOOOOONNGWWWWEEEEE IGAMA LENKOOOOOOOOOSI”

Ibandla: (Abanye sebeme ngeenyawo, abanye beyiyizela, abanye besenza nje ingxolo emnandi)

Mpumezo: (Elungisa ibhrukhwe yakhe, kunye neqhina) “Ndizothatha imali! Mazilunge izipaji! Nani boo mama tshonani edeti, madoda khuphanu kootokhwe, ndifuna senje kanje bangcwele...!

#DOUO

No comments:

Post a Comment