Friday 4 October 2013

Scene # 1.5

Uphi kanene uMpumezo?

Lo ibingumbuzo esishiyeke nawo kwisiqendwana esingaphili. Kucaca ukuba uLindelwa uqale inkonzo, noThembela uye wafika, kodwa yena akathi tshe nangempumlo. Make siyokumgqogqa ke bafundi.

Sishiyene noMpumezo elele. Bekusemva kokuba ephoxwe nguSisanda, kodwa wamnika la R50 ba ake ayozimamela, aqabule. Wabe ke ebeyaleziwe ukuba aze acoce pha endlwini enkulu. Urheme uye walala imini yonke ke, akenza nto. Apho avuke khona uye waqubula lamali ibishiywe ngunina, ukuba aze athengele abantwana isonka, kunye nebisi. Wasithenga isonka kunye nefrentshi ema-Somaliyeni. Wasinqusha ke imini yonke umfo omkhulu. Akakhange ashiye kwandutsu le yesilayi, wasitya wasigqiba sonke. Wenza unovatala wemanzi aneswekile, wazimithisa ngawo; wabuyela ebhedini.

Wangena kuFacebook, waze waya kwiqonga labantu abatsha levangeli; UMNTU OMTSHA ne LIZWI CHRISTIAN MOVEMENT (Le yigroup kaFacebook yevangeli. Nawe mfundi ungayikhangela uyijonge, uzakumfumana apho uMpumezo. Kodwa ungatsho ukuba uve ngam)

Ufike apha wancokola kwimixholo ngemixholo ebekiweyo apho. Umfo lo waye elichule ngokuthetha, ekwayiyo nrncutshe ngezakwaLizwi, ekwayiyo ingqondi kuzo izibhalo. Wayemana ehleka ke unkabi, kucaca ukuba lendawo angene kuyo iyamonwabisa. Aphathe kutyhila-tyhila kwincwadi yakhe yomqulu obomvu, afunde, abhale kwiphone yakhe. Kucaca phandle umfo lo ungumncedi, ngoba kwa iINBOX yakhe yayizele iphuphuma. Kungabacela imithandazo, kungabacela ukucetyiswa, kungabammemela kwiinkonzo zabo, kuzizibhoxi ezizicelela umtshato kuye. Umfo omkhulu, zikhona ke nazizame kuzo iintombi via INBOX.

Wabhala iSTATUS esithi;

ISAYA 60:1 “Sukume ukhanye kuba kuthe chapha kuwe ukukhanya kwakho”
Bazalwane la ngamazwi endifuna sabelane ngawo namhlanje! Nkuba sele ukweyiphi na imeko, yazi ukuba the LIGHT OF THE LIVING GOD shines upon you and the devil is the liar, he can never touch you! I don't know the situation you are facing, the problem you are facing, the poverty you are facing or any temptetios you are facing; Worry not, God is with you....! It will come to pass!!!!!!”

Zangena ke zingenile iiCOMMENTS neeLIKES abanye besi-SHARER eso-STATUS kucaca mhlophe ukuba abalandeli bakhe ubachukumise kwiindawo ababgabanjwa kuzo.

Wathi sele ejonga ixesha, sele lidlulile eli kumele azilungisele ngalo ukuya enkonzweni. Waphakama kucaca ykuba umfo lo ushiyiwe lixesha. Wathatha ikom nevaslap waya entla, wathatha ipaynti wakha amanzi zambini. Wafaka la vaslap wayenza manzi. Waqubula isuti wakhe ewodropini, waibeka phezu kwebhedi, wayosula ngala vaslap imanzi, wayicoca umfo bungxama. Akugqiba wasole esosula ubuso, wabucokisisa ukubosula oku, kwaye kucacanje ukuba ubunonelele. Waqubula ezothambisa izinto! Wathambisa! Wangena kwisuti yakhe ke unkabi le evuma umhlabelelo wakhe othi; “NOMA NGIGQOKA AMANIKI-NIKI IKHON'INGUBO EMHLOPHE QHWAAAA” Wazithsuthsuza ke unkabi ngespray sakhe seAXE, wafala iroll-on akugqiba wakhangela isihlangu sakhe esitsolo, esimhlophe! Wafaneleka umQwathi kodwa shame! Akufane zimthanda nezintombi.

Wangena endleleni akufumana iBIBLE yakhe, wathatha iR20 kulemali yomnikelo, iR12 uzokhwela ngayo, R2 anikele ngayo, ze la R6 ishiyekileyo akhwelise uThembela ukuba akanayo imali. Wonda ngephela!

Ententeni

Pastor: (Ethetha noThembela) “Ndikucele kakuhle ukuba uzoba nguMC wanamhlanje, wena ufika ngexesha lakho lokuthanda. Ukuba ibinguMpumezo okucelileyo ngekukudala ulapha , ungowokuqala. Kutheni Thembela?

Thembela: (Etyikitya amehlo) “Bekumele ndiqale ndi kline kalok ekhaya. Ndilungise ze ndipheke. Ndalibaziseka ke. Phofu andiziva kakuhle namhlanje”

Pastor: “Kulungile. Khona bekutheni iphone yakho ivaliwe ebusuku? UbukuMpumezo Thembela?”

Thembela: (Emjonga bumgxelesha) “Ungenaphi ke ngoku uMpumezo ekuvalweni kwephone yam? Ndigqibele singafowunelani ebusuku, ngoku yintoni ingxaki?”

Pastor: “Ewe kaloku uyayazi ukuba nditshatile kwaye akumelanga sifowunelane ebusuku, kodwa mna ndingakufowunela ebusuku nje nge ndoda kaThixo akukho nto inokrokreleka kaloku.,..!”

Thembela: “Andinanto yokwenza mna noBrother Mpumezo”

Pastor: “Ndakuyixutha leBlackberry ndikuthengele yona ukuba usaqhubeka nalaMpumezo, okanye andinakuxakwa nini nobabini ke”

Thembela: “Uyandigrogrisa?”

Pastor: “NO! Take that as a warning sana lam”

Wabe uLindelwa etsala umhlabelelo othi; :UNGAZIFIHL'IZONO ZAKHO IZWE LINGAKUBONI KODWA NGEKE UZIFIHLE KUYE” kumnandi ngaphakathi kucaca nje ukuba kuyajayvwa phakathi. Wawuwuva ngaphandle umfutho osententeni nantika, uSiseko eyibethela okokuba iKeyboad, nentwana emncedisayo nge ikeyboard ecaleni ingayekanga ukufakelela izinto ezitsho kamnandi, uLindelwa evutha bhe amalangatya omlilo elikhwaza ibandla ukuba lishukume, lijayvele uJesu. Kwakuzele qhun ngaphathi ententeni kungekho neyohamba indawo. Nophandle okanye emotweni wayejayva kucaca nje ukuba uyayiva. IKeyboard yayivulelwe phezulu ke, isodlula kwa aba baculayo, inge iya inyuka futhi ngoko mfutho.

Iintombi zazisenza umjayvo pha ngaphambili mfondini. Zizophula amathanjana, nezinqe kunzima! Elapho ke noSizeka nabahlono bakhe, begqwesa ke! Nemehlo lakhe uSizeka lali ngapheli kwindawo eneKeyboard, sebemane bencumelana noSiseko, kunzima! Hay'kodwa elibandla!

Aw! Yangena indedeba madoda! Yangena sele yenze amabatha kakathe zezincandweni izinxibileyo. Mhle kodwa umzalwane uMpumezo! Wangena sele encume kakade mfondini! Imfanele isuti yakhe eshaynayo! Uzikhile umfana nkosi yam! Zamane zisolathisana ngaye ke iintombi!

Waqonda e....!

#DOUO

No comments:

Post a Comment