Saturday 5 October 2013

Scene #2


Emva kokukumka kuka Bonisa.

UMpumezo washeka ejwaqeka ngumsindo. Wayecaphuka, enomsindokazi ongathethekiyo. Yenzeka njani ukuba ngemini enye, bemke sebelapha? Iqale yanguSisanda emini, ngoku ngulo unguBonisa. Lo ke umka ngoku emyeke sele elapha, bekumele ukuba uwuvalile lamnyango ze angakwazi ukuphuma uBonisa, ngelele mhlawumbi. Kutheni bethu? Ingaba konakele phi ngoku na nje? Suke yanga ukhona lomfazi umzele ngomva, watunusa. Ngoku uza kuthini? Mphini wuphi anokuwuxoza? Azame uSisanda? Azame uThembela? Athini? Ayeke alale?

Nkosi yam! Yangqunga ukugqiba indlu lenkewu! Icinga cebo limbi. Ngelingeni wacingela ngaphandle, kucaca ukuba akaziva urheme;

Mpumezo: (Ethetha yedwa) “Ndibe sisiyatha kwa ukuqale ndimnike la mali. Bekumele ndimxele phandle ukuba uza kuyifumana kusasa kanye xa ahambayo! Ngoku, ukuba ukhuthuziwe ze yathathwa nalomali? Ukuba ubulewe? Ukuba udlwengulwe? Hay'phofu ubaleke loMqwathi wam kaloku, izobe injalo...! Undibalele yazi lontwana? Ngokuqononondisa ngemali phambili, inge uyahlala, wemka! Eish! Ndonqena nokumfowunela ke ze iphone iviwe zizikoli, ithi kanti uyifihlile. Phofu, uzakundifowunela xa esendlini...! Mandithembe uhambe kakuhle kodwa. Ngoku ndizakuthini? Ndikhumbula kwa uThembela iqwela, qha ndimphoxe kakubana ke namhlanje. Wofika uqumbile! Khawume ke ndimjonge ku WhatsApp! Iyhoooo! She is online! Ndithini bethu?”

Mpumezo: (WhatsApp) “Nana”

Thembela: “Yintoni?”

Mpumezo: “Hay'bo”

Thembela: “YINTONI?”

Mpumezo: “Tjioo! Awukho mdleni ke tana”

Thembela” “Injalo”

Mpumezo: “Nditheni kaloku nana?”

Thembela: “Ucinga ndisisibhanxa sakho wena shame”

Mpumezo: “Hay'bo baby ndenzeni ngoku man? Iwes ba ndikukhumbuila kanjani jo!”

Thembela: “Usathe phithi nguBonisa kaloku”

Mpumezo: “Bendizomnika imali kaloku love, apha endlini! Hay'suba wrongo torho nana!”

Thembela: “Mna ndi wrongo? He! He! He! Sundihlekisa bhuti! Ucinga ndi dom wena nhe!”

Mpumezo: “Ndenzeni kaloku sthndwa sam? Khathethe kaloku baby!”

Thembela: “Eyona nto igcwele phandl'apha! Into yokuba wena, namhlanje ucele umtshato kuBonisa, eProminade Mall. Ubumkhuphile niyotya pha! Ndiyayazi kaloku bhuti naleyo! Ucinga ukleve wedwa nhe? Ifikile ke nakwezam iindlebe. Ubucinga ukundicelela nini? Ubucinga awuzondixelela ze umane ukhuthula legush yam? Andikho muncu bhuti!”

Mpumezo: “Hay'bo! Ayikho lento uyithethayo! Uyithathaphi into enjalo? Ndicele umtshato? KuBonisa? Yifrend yam ke uBonisa! Asizutshata! Ngubani lo ebekuxelela obo buxoki?”

Thembela: “Igama lomntu liduru kaloku bhuti. Yima ndibuze, akhange uye eProminade wena namhlanje? Akhange niye kwa-Pie City noBonisa? Namhlanje?

Mpumezo: “Ewe, besiyile kwa-Pie City and nam bendiyile eMall. Kodwa baby le yomtshato bubuxoki obudom shame”

Thembela: “Nam ndizibonele ngawam amehlo namhlanje! Ndiniqaphele kwapha ententeni ukuba kukhona okushaya amanzi! Ndlela le benimana nincumelana ngayo! Kucaca naphandle ukuba inkulu enidibanisayo nina. Andikho muncu Mpumezo! And I am abig girl, I can handle the break-up! Qhubeka! Tshata noBonisa!”

Mpumezo: “Nana! Bubuvuvu maaan obu bomtshato! Andicela mtshato mntwini mna! Andizutshata naBonisa mna! Ndithanda wena! Ndifuna wena wedwa! Ndiyakukhumbula!”

Thembela: “Ukuba ubundikhumbula, ubuzondihoya! Ukuba ubundithanda ubuzondikhathalela njengamanye amantombi ahoyiweyo ngawayo amaOW! Ubuzondihlonipha ungahambi nama cherie phambi kwam. Uzazondithatha xa ubundikhumbula! Nam ndiyafa kukukhumbula Mpumezo and indidikile nalento yomane ndizimela mna ngoku. Ndifuna ukutaka njengamanye ama cherie, ndivuke ndakuthanda, ngexesha lam! Iyandibhityisa ke yethu into, le yoba mna ndize apho ebusuku, phinde jike kwasebusuku. Hasuka!”

Mpumezo: “Ndiyakuthanda Thembela! Ndikukhathelele nkosazana! Ndikukhumbula kakhulu nam...! Ndicela ukuza ngoku ndizokuthatha sana! Ndize?”

Thembela: “Ungeza. Ukhawuleze kodwa! Zinyukela u12 ngoku”

Mpumezo: “15min sendilapho! Ndilinde!”

Khwasusu unkabi, wafaka iphone embaneni, wakhulula ibhatyi, wathath isilamba wanxiba sona. Wathi sele esiya ngasecangweni, wajika, waphakamisa umatrasi, waphutha-phutha, wamane empampatha. Caba akayifumani lento ayifunayo, wawuphakamisa wonke umatrasi, wawuxhasa ngentloko, wakhangela ngazo zombini izandla. Ngelingeni wawufumana umpu wakhe! Ewe, umpu wakhe! Wawujonga-jonga, wawosula-sula kakuhle, tshwa esinqeni unkabi sele gxanya ukuya emnyango.

Waathawuza, enkcunkca ukuya ngaseholweni yoluntu...!

Ithini na lento, lomzalwane ukwa nawo nompu?

Masimyeke apho okwangoku uMpumezo, inga izinto ziyalunga kuye. Ekugqibeleni, loThixo amkhonzayo usabonelela nakuye...!

#DOUO

No comments:

Post a Comment