Friday 4 October 2013

Scene #1.4

It was 4pm late in the afternoon and everybody was getting ready to attend the Evening Crusade and the Man Of God is up and ready to preach the Good News to the children of God. The keyboard players were already in the tent, connecting the system and the ushers and people who are helping were also packing and arranging chairs and sweeping the matts and decorating the pulpit as if Jesus was to arrive that day.

Pastor: “Nincede bafana nilungise iiMics kwangoku, ukwenzela zingabe zitswina, iyaphazamisa kakhulu lonto”

Abazange baphendule ooKeyboard player, kuba besazi kakade ukuba, these microphones were kinda old and needed to be replaced and the pastor isn't doing anything about that but requires good quality sound.

Pastor: (Talking on the phone) “Benditshilo kaloku ukuba you have to be here early as 16H30, ukwenzela uqalise ukuthandaza ngo5.

Thembela: (Kucaca ukuba usendaweni engxolayo) “Ndiyeza mfundisi”

The worshipping team was late already kodwa bekhona abanye. Kukho nentombazana ekuthiwa nguLindelwa, ethanda kakhulu ukuhlabelela. Yena noThembela bayakhuphisa. Kodwa yena lo, akathandwa yindoka ka Thixo, yona isithi inokuba uLindelwa lo usetyenziswa ngumtyholi. Isizathu, uLindelwa ye akayijayiveli nokuba iyabhuda. Xa ingeyiyo ayiyo kuye kwaye akathengi buso bankawu.

Baye befika abazalwane bebandla lika Mfundisi, Faith Mission Internationa (FMI) babe beziziqhu ngeziqhu ke kucaca ukuba abanye bagqibelene kudala. Babebahle, benxibile, wayecaca ongenampahla, ecaca ongenamali. Kuba kwakuvathwe ezikanokutsho iimpahla. Oodade bebade ukuchophisa oku de bambeje-mbeje. Abazalwane, hay'sukani madoda, wawungafunga ukuba kuziwe emtshatweni mfondini.

Sizeka: (Encokola) “Yesana! La mfana ukwi Keyboard ngubani igama lakhe?”

Bonisa: (Ecofa-cofa iphone) “Andimazi nam kodwa ingathi nguSiseko, I am not sure”

Sanelisa: (Engenelela) “Kuthwa uhlala eSite C ubhutiza and mhle shame”

Sizeka: “Ndibona lonto nam yazi! He is so cute and uyidlala kamandi ikeyboard sana”

Sanelisa: “Ndiyakwazi ke wena awuthi kusasa”

Bonisa: “Lonto kunini emjongile lamfana uSizeka...!”

Sizeka: “Oko naye emane endijonga and ndiyambona shame akayeki tu. Ndizothini ukungamjongi umfana omhle kangaka? Yhuuuuuuu!”

Sanelisa: “ULIndelwa kudala naye emane esondela kulamfana, ndiyabona uyazizamela, ndike ndabone benikana amanani nalamfana”

Bonisa: “Yhoooooo! Nyhani?”

Sanelisa: “Hay'ke sele imkisele lontaka ke sana. Uzakumhlohla iiversi aphelelwe ngumdla lamfana, uzujonge!”

Sizeka: “Hay'suka! Amaxhala phantsi girls, if lamfana ukum, ndingamfumana and uLindelwa lo unelizwi elikhulu elirhwexayo akana chance apha kum and ufane wazisondeza, atsho ngamabele amakkhulu, ne cleanage ekekeleyo”

Both: (Behleka isiqhazolo de kwabheka wonke umntu enkonzweni)

Wabe ke ngelixesha sele eqalisa ukuhlabelela uLindelwa. Watsho ngelizwi elikhulu inga nguBukiwe weJoyous Celebrations. Waithathela phezulu ke ingoma ethi; Igama lakho lihle! Zamsekela ke ezantombi zinaye pha eqongeni inga nazo ziplagwe embaneni, zatsholoza ke mntakabawo, zingqisha kunye.

Kwelinye icala, uThembela usesendleleni eya ententeni.

Thembela: (Ethetha yedwa)”Hay'sana andicingi kwenza nto ke ententeni namhlanje! Ndifuna ukufika sele iqalile. Ndiyayazi ukuba uLundelwa uzobe sele eyiqalile inkonzo. Kaloku mna, ndilele kwaMpumezo, ndinza amanyala, kwaye andingekwazi ukuma phambi kwabantu ndinuka isono. Ukholo lwam lu-weak kwaye ndingavele ndijampe emarhamentebi ukuba ikhona into endiyenzileyo. Ey! Kodwa ndiyayikhumbula inceku yam. Ndinqwenele ukumbona kule mvuselelo ke tana...! I love him, and I love him manyhani ke tana. Phezolo he was so great and undiphe kamnandi. Yhooo! Andiyazi ke le yalomfundisi ndinaye, utshatile kodwa andiyazi ukuba ufuna ntoni emva kwam. Naxa ndihleli naye andikhululeki!”

(Emisa iphela)

“NgasePhandulwazi driver!”

Wabhatala imali engange R6 wabuyela kwiingcingane zakhe;

“Xa ndingazuhlabelela namhlanje kazi ndizoyifumana njani ke le R100 ka Mpumezo? Hay phofu naye uzo understanda xa ndimcacisela. Okanye zosuke ndiyibe xa ndibala imali yeminikelo. Akhomntu uzoyazi kakade...!”

Lajikela ke iphela ukuya sesikolweni, lehla inga liya ngaseLuzuko. Walimisa ke uThembela xa ebona irenk yesteksi ngakweli cala lingasekunene and wehlika wanqumla irenk le iwayophumela kwelacala, nantso ke intente ime kuhle pha kwela bala, kanye pha phantsi kwemithi. Yaisele ivakala ke ukuba uLindelwa ubasa ezulwini abakholwayo, sele inga uyawabona amazulu indlela abe ehlabelela ngayo. Umhalbelelo wabe usithi; “WE GIVE YOU ALL THE GLORY, WE WORSHIP YOU OH LORD”

Emnyangweni wentente kwabe kumi izikhakhamela zamadoda, ezivathe iisuti zikanokutsho. Iimoto eziphahle lantente nazo zinamagama kwaye kucaca nje mhlophe ukuba amakholwa aziqhubayo asezintweni. Wayelapho kanye no Pastor!

Tjiooo! Uzakuyithini na lento uThembela. Kodwa yacwayiza intokazi ukuya, yabe ifanelekile kwezozihalngu zichophisileyo, ipentihose, isikeyt esime entla kancinci emadolweni, ethe shirt yakhe entle wogqiba waziqwela ngebhatyana emthe mfi apha esinqeni. Wayengathi uyandwayiza ukuhamba oku, iimpundu inga ziyamsinda ukunquntsuza oku, wayewucenga ukuwunyathela umhlaba lo. Kwekh! Intle le ntombi andinamona!

Uphi kanene uMpumezo?

#DOUO

No comments:

Post a Comment