Friday 4 October 2013

Scene #1.13

Make sithi sti gxada kulo Mpumezo kancinci. Noko simkhumbule umfo omkhulu kwaye usuke naye wasinqabela...! Kaloku, besimshiye ese-mall ethenga ayithandayo de waphumela kwimali yeOIL. Wayesazi ukuba uzakulifumana icebo lokwenza laOIL, nokuba livele phi kodwa umfo omkhulu bekuthiwe makacinge. Ngoku sele esendlini sele ebuyile nakulondawo ebekuyo. Wayecinga yonke inyaka-nyaka le ilapha phandle. Ekhumbula yonke into emvisa kamnandi, yonke nje into. Ha! Ha! Ha! Ndiyakwazi ke wena mlesi, sele ucinga ukuba ukhumbula lanto kaThembela, okanye intloko! Hay;ke kule game umfo omkhulu ucinga ngokuma phambi kwezihlwele, ashumayele, okanye ajuxuze, okanye ajayvise ezintwazana. Wayeyithanda kakhulu urheme lonto.

Ngoku, uncokola no Sisanda noBonisa ngexesha elinye ku-WhatsApp. Uzingqengqele uMQwathi kwaye uphumle kamnandi. Wondlulile ke namhlanje, utshayele kwaye kubetha ivumba elitsho kamnandana. Kaloku urheme uthenge lamicinga iqhunyiswa ngama-China xa ebhujelwe okanye ama'Silamsi xa enqula inkosi yawo. Libophike elovumba kwakulehokana yakhe. Umamele uHlengiwe Mhlaba kwaye umvulele apha, kumaxa yena athi; “I KNOW I'M REACH”

Bonisa: “Cela sithethe kaloku xa siphuma ententeni. Anikabina mpendulo ngoku kodwa zobe ndinayo late:

Mpumezo: “Ndizokwenzela yonke into oyifunayo baby”

Sisanda: “Ewe singabonana xa ubuya ekerk kaloku, uzondixelela zoza”

Mpumezo: “Ndicela uze ngoku kaloku Sanda, I can't wait please baby”

Bonisa: “Mpumezo! Ndiyakuva, kodwa andifuni sithethe ngo-Whatsapp, ndifuna ukukujonga emehlweni xana usithi uyandithanda. So, ukuphuma kwe cawe! Uyalungisa ngoku?”
Mpumezo: “Uyandithanda phofu Bonisa?”

Sisanda: “Ok! Kodwa cela undithengele iyogat nechocolate, nedrink. If azikho andizi ke”

Mpumezo: “Yiza ngoku kaloku love, ndinaso nesithukuthezi”

Bonisa: “Ndiyakuthanda mna ewe, kodwa ngothando luka Krestu. Cela uyeke ke ndigqibezele ukusebenza. Ndizokubona late ke uvile?”

Mpumezo: “I can't wait babywam”

Wayenemincili umfo kucaca ukuba kodwa ezi zona iintaka zezakhe. Walaqaza apha endlini ejonga engalunganga, kaloku uSisanda usendleleni ezayo, kwaye kucaca phandle nje ukuba into yabo sele ilungile. Wafika le nalo Sisanda ulindelweyo, wachopha phezu kwebhedi. Wayenxibe oyena shoti uke wamfutshane. Enxibe ezimthe mfi imahla ukumbamba oku. Ndibona nje kwala pha ebeleni ukuba uke wawancedisa ukuwanyusa nawo, athe thwii kamnandana mforin. Urhuqisa iziliphaz ke usisi, ufake i-Cap nee shade. Hay'ke ingalo iyaxhakazela zezinto zabo.

Waqonda uMpumie okokuba eye Drink nezi zimuncu-nyongo zifunwayo zingamlibazisa. Wavela ngemva ke apha kuSisanda, wamanga, nomnye wayithi qhiwu intloko ukwenzela eka Mpumezo ifumane indawo yokuphumla nayo! USisanda wabamba iingalo zomfana, eziphulula, ecimele. Umfana naye selamne emphumza-phuza apha entanyeni mfondini, naye se ecimeeeeeeele!

Mpumezo: “Baby! Nyukela apha ebhedini! Singqengqe sobabini kaloku”

Sisanda: “Ha.a! Izinto zam kuqala!”

Mpumezo: “Sizokuya evenkileni kaloku sizithenge, ungabina wari”

Sisanda: “OHK!”

Watsho ekhaba ezoziliphazi usisi wanyukela emqamelelweni. Yangqengqa ngomqolo indedeba, yambeka kwesayo isifuba, sele kucaca nje mhlophe ukuba ayikho enophinda ithethwe ngoku, kugqityiwe. Lo ngowakhe!

Mpumezo: (Emjongile ntsho emehlweni) “Ndiyakuthanda Sisanda baby”

Sisanda: “OK! Noko kudala ndiyiva londawo!”

Waqalwa yila ngulo yakhe ke uMpumezo. Wamnyusa, wamzisa apha kuye, yena Mpumezo engqengqe ngomqolo. Bancamisana ke mnta ka bawo. Bemhunyhamhunyhana ukuncamisana oku.

Yima ke! Hoga! Hogaaaaaa mlesi!!!! Kunganjani sithi ukuyishiya ke le indawo? Noba ke sibuyela ententeni mhlawumbi!

Uyazazi kaloku ngokukhawuleza ukuqinelwa ngumthambo, okanye ukuntushuzelelwa linatsika...!

Ndime okanye ndiqhubeke nalento yenzekayo....? Ngumzalwane uMpumezo ke lo sithetha ngaye...!

#DOUO

No comments:

Post a Comment