Monday 7 October 2013

Scene #2.2


Besishiyene nomzalwane uMpumezo esendleni eya kuloThembela. Kwaye kusezinzulwini zobusuku, emva kokumka kuka Bonisa. Ngoku usendleleni ebuyayo, eza kokwabo, kunye noThembela lo ebeyomlanda. Kamnandi ufike intombi imlinde phandle, baze bahamba.
Mpumezo: “Ngenditheni ke?”
Thembela: “Awundihoyi Mpumezo. Ukusuka apho ndiva izitori zokutshata kwakho noBonisa! Awusathethi nam nakuFacebook nakuWhatsApp. Qha xa ufuna impundu zam kuba ngona unanazelayo emva kwam”
Mpumezo: “Uyayazi nawe ixesh andinalo. Soloko ndixakekile enkonzweni. Umfundisi undisa ngapha nangapha and iyandidinisa nam lonto. Ingase nam ndizivulele elam ibandla”
Thembela: “Ayikho ke le uyithethayo! Uzokwazelaphi ukuphatha ibandla wena? Okanye ufuna ukuzitya kakuhle ezimali zabantu nhe?”
Baye besiya ngaseholweni yoluntu ingabo bodwa abasendleni ngelaxesha. Kwaye kungekho kwamoto evelayo macala omabini. Kanye xa bangasesangweni le-gate eholweni. Kwavele abantu abane bevela ngakulaKhontena ilungisa iiphone, kucaca phofu ukuba bavela ngaseBarcelona, ngakwaNomdimba.
Mpumezo: “Ha! Ha! Ha! Kanti sele ndivutshiwe mna ke tana! Akhonto ndingakwazi ukuyenza mna, undibokhomba nje, ndikwenzele”
Bonisa: “Naba abantu! Ndicela undifihlele lephone yam torho! Yhu iBlackberry ndisanda ukuyithenga? Ha.a!”
Wayithatha wayifaka epokothweni kaMpumezo. Wogqiba wambamba esinqeni, wabeka intloko yakhe egxeni. Ethubeni, uqaphele ukuba kukho into eqinileyo esinqeni sikaMpumezo, wayiphutha-phutha ukwenzela ayive ukuba yintoni.
Mpumezo: “Don't do that...!”
Thembela: “Yintoni ke le iqinileyo apha kuwe esinqeni?”
Mpumezo: “Shhhhh! Yimela yam le! Ingathi zibala ngathi ezintwana”
Thembela: (Eqinisa) “Hay'ndiyoyika ke mna! Masibaleke singene kule yadi! If abafumani nto bazosibulala okanye basonzakalise”
Mpumezo: “Ha.a masiye! Azisusenza nto”
Thembela: “Uzuke uqine enyaleni ndikuxelela! Yho! Beza kuthi sana! Iphone yam! Imkile namhlanje! Unagbi nenkani ke! Yhuuuwwwhhhiiiii”
Mpumezo: “Hay'maaarn sungxola jo! Ziyeke ezikaka zize! Sundiqinisa maaaan nawe”
Afika amajita sele ezikhuphile iimela zawo zimenyezela inga ziyimibane. Agqiba indawo yonke amajita inga umhalaba ngowawo. Maaaarn! Wangcangcazela uThembela inga angawuyeka umchamo, akubona ezo mela mfondini.
Umjita 1: “Ningasisokolisi ke! Rhafani! Imali! Phone! Khuphani! Okanye nizokufa! Khawulezani!”
Thembela: “Ainayo imali”
Mpumezo: “Hay'makwedini! Sekutheni ingathi niyaqhela nje! Huh?”
Thembela: “Suba neenkani Mpumezo! Bazokusenzakalisa ababhuti”
Umjita 2: “Kutheni ingathi uyarhonga nje rhot'man? Uyayazi le whey?”


Yakhupha inkebe-nkebe yebhozo lanto sele lilijiwuzisa ukulizisa ngqo kuMpumezo. Yema bhungxe lanto inguMpumezo kucaca nje ukuba ayoyiki tu. Ibhinqa lothuswa lelo bhoso lingaya ykuba likhulu, lajike emva koMpumezo, sele lincwina.
Umjita 3: “Hlaba lenja maaaan! Hey! Khuphani imali nephone zenu nina niyeke lekaka yokusilibazisa”
Umjita 4: “And sisemsebenzini thina! Asifun kulityaziswa nini! Khuphani! Hlaba ezikaka maaarn nawe jo!
Mpumezo: (Erhola umpu) “Nindiqhela ikaka nhe? Misunu yenu! (Watsho isithonga sasinye phantsi) Yizani apha! Misun'onyoko! Nibaqhela ikaka abantu rhu! (Waphinda esinye kwaphantsi)


Kwee saa ngonkabi sebesitsho isikhalo. Abanye bafohleka ukutyhoboza amacingo neeyadi. Yaba ngudulukubhode ukusithela kwabo ezikoneni oorheme, befathuza ukubaleka oku. Inga bathi “nyawo zam wake wandenzela ntoni nha” ukuyotshonela.


UThembela oko wayeguqe ngamadolo ebambelele eendlebeni, esitsho esikrakra isikhalo, inga ufelwe yintshontsho lakhe. Akaznge akholwe naxa abanjwa nguMpumezo ukuba nguye nha, wasitsho maaaarn de noMpumezo wambamba umlomo. Yaba ngubhije ke ukuya kwaMpumezo bebaleka.
Sime apho!


See you at 16:15


#DOUO

No comments:

Post a Comment