Friday 4 October 2013

Scene#1.15

Yatsho imshiya apho lontokazi le yaseMpumezo! Kwek madoda...! Yemkisela intaka!

Kazi uyabuya nha uSisanda...! Abuye?

Yayolinda ngomonde le ngwenya. Lisekhona ithemba kuyo, elokuba uSisanda uyabuya. Kwaye uyithembisile uSisanda ukuba uza kubuya nakanjani. Wamana eguqu-guquka ebhedini unkabi. Athi elele ngesisu, atshintshe alale ngomqolo, axwese ebhedini, ajike alale emazantsi, hay'suka ayide ifike letyiphu! Awachithe amanzi? Ide ayaphola iqwela! Ancume yedwa unkabi akucinga ngemizuzu egqithileyo, ephuzana noSisanda. Uthi thaa ke umfanekiso ngqondweni, ambone! Loo mabele mfondini, ezompundu madoda, esosinqe sijiko-jiko. Ahlasimle inga uzakuthimla umfo, yimihlali. Phofu akonakalanga nto, intombi iyabuya!

Mayezibuza iqwela umfo ukuba, kutheni yena? Kutheni kakade evunywa yintombi entle kangaka? Imbone ntoni phofu lentombi? Makube ke umfo naye uphakathi kwamanene apha eLower Crossroads. Esacinga njalo, kwangena umyalezo;

Bonisa: “Sele ndifikile ekhaya ngoku, ndilungiselela ukuya ententeni ngoku. Ndicela undiboleke torho imali yophangela ngomso, ukuba unayo, undiphathele! Kunye neR6 yephela xa ndibuyayo torho”
Mpumezo: “Nam ndiyalungisa ngoku”
Bonisa: “Ok! So uzondinika lento ndiyicelayo kuwe?”
Mpumezo: “Andinamali mna! Kodwa ikhona imali endiyigcinisiweyo, yileya yomnikelo. Ndizokunika kuyo and then wena undibuyisele ke xa upeyile...!”
Bonisa: “OH! Enkosi boet! Ndiyabulela! Ungabi late ke namhlanje! Sizothetha ke uphuma kwemvuselelo”
Mpumezo: “Kulungile”

UMpumezo waye wazama ukutsalela umnxeba uSisanda, suke yaya straight kwiVoicemail;

“Hi! This is Sisanda, I am so so so sorry that I am unavailable to take your call right now. Please leave the messege after the tone and I will get back...!”

Mpumezo: (Ecima iphone yakhe) “MXM! Iyandibhanxa ke le whey! Icime iphone ngoku! Ngese yatsho kaloku ukuba ayisalifumani ithuba, ze nam ndingalindi yona! MXM! Ngese ndicele uBonisa adlule ngapha! Ndimthembise ngemali le ayifunayo! Andinako ukukhonza ndikulemeko ndikuyo! Undirhalisele ke loSisanda ndini. Ngoku inga ndingachitha nje, ukwenzela ndibe grend. Ndithini bethu?”

Uye waphakama ebhedini, wakhupha izinto azakuzinxiba ententeni namhlanje. Kaloku lalise lisondele ixesha, naye wayeseleqonda ngoku ukuba aba baququzela ententeni ngoku, sebemanxada-nxada belungisa izinto. Sele nababethi bezinto ezikhayalo belungisa iintambo zabo. Naba sisana ke baculayo sele nabo bezilungiselela. Naye makalungise unkabi, ancame uSisanda ahambe ayokhonza bhetele. Likhona phofu ithemba lokuba angabuya noBonisa. Ikhona nje into emxelelayo. Phofu ke amaXhosa athi, ithemba alibulali, nto nje liyadanisa. Ethemba kodwa umfo omkhulu ukuba akanakudana tu.

Walungisa...!

Sibuya nentente xa sibuyayo...!

#DOUO

No comments:

Post a Comment