Friday 4 October 2013

Scene#1.14

Ha! Ha! Ha! Hay'ke! Umndilili wabahlobo bethu uthi masiqhubeke! Makube ke phofu sele zipholile izinto ezihluphayo; Masiqhubeke ke!

Simshiyephi kanene uBrother Mpumezo no Sisanda? Oh sikhumbule ke...!

Waqalwa yila ngulo yakhe ke uMpumezo. Wamnyusa, wamzisa apha kuye, yena Mpumezo engqengqe ngomqolo. Bancamisana ke mnta ka bawo. Bemhunyhamhunyhana ukuncamisana oku. Wakhwela ngaphezulu uSisanda, wangxatha apha kuye oku komntu okhwele ihashe, wadlala ngesinqe phezu koMpumezo engayekanga ukumncamisa, ephatha kumbamba entloko, entanyeni kunye nase sifubeni. UMpumezo wayenga udibene nemfene erhuqa i-chain, esenza umgqumo ongaqhelekanga. Wayephatha kubamba iimpundu ezinkwetshelele, ezithe saa, abambe isinqe esijiko-jiko zizipejeje mfondini, abe esemqolo, emagxeni, esentanyeni. Undigqiba ngozama ifaka isandla ngaphantsi koshoti, kwekh, ingxamile lendoda. Wawungqina uvume uthi, uSisanda lo ukuyo yonke lento, kodwa ngesaquphe wathi;

Sisanda: (Esuka phezu koMpumezo) “Ha.a! This is not right”
Mpumezo: (Ezama ukumbamba) “Yima kaloku baby! Asikagqibi nje! Yiza ndiphuze kaloku”
Sisanda: (Emtyhalela kude kuye) “Ha.a Boet! Ndiyeke!”
Mpumezo: “Yintoni ngoku?”
Sisanda: “Ayonto!”
Mpumezo: “Kusuke kwathini? Ndenze ntoni?”
Sisanda: “Awenzanga nto! (Echopha apha ebhedini) Kushushu maaan”
Mpumezo: “Masibukhuphe ubushushu ngokbunye kaloku sweety! (Ezama ukumbamba) Khaze ndithi mathu kaloku love”
Sisanda: (Etshintsha ebusweni) “Khandiyeke torho! Okanye ndosuka ndigoduke mna! Cela izinto zam futiz...!”
Mpumezo: “Hay'bo joh! Awuzundipha ke ngoku? Bekanye nje!”
Sisanda: “Izinto zam kuqala, ezi ubundithembise ngazo”
Mpumezo: “Ukuba ndizithengile uzondipha?”
Sisanda: “Ewe! I promise you! Enye into kushushu, jonga nawe ubile ngathi ubuleqa isela”
Mpumezo: “Ndinyukelwe yi-BP kaloku! Ha! Ha! Ha!”
Sisanda: “Masambe kaloku, kwenzela sibuyele apho besiyeke khona! Are you game tiger?”
Mpumezo: “Utsho endodeni ke nontombi”

Waqubula isipaji sakhe. Kwayiywa!

Wayenamatshamba ke uphopho apha endleleni, aphathe kuzama ukubamba usisiza, ahambele kude atshintshintshe indlela yohamba, abambelele esinqeni kwalapha kuye, inga unamabatha ke xa ehamba oku.
Bakufika kwaVido Cash store, wathatha ngobiza yena uSisanda le ayifunayo, zeza zonke ke ezi zimuncu-muncu ngobunjalo bazo. Wabhatala ngomzimba ongenaxhala ubhutiza esazi nje ukuba umvuzo wazo uyeza.

Mpumezo: “Ingaba ikhona enye into ozishaya ngayo babes?”
Sisanda: “Cela usose uthenga iiplasticn please torho”
Mpumezo: “Ok! (Wabhekisa kumthengisi) Neplastiki ke sisi! Yimalini kanene?”
Sisanda: “Hay'maarn! (Esebenza) Not ezo kaloku! Ikhondoms!”
Mpemezo: (Ezothusa) OHHHHHH! Haska! Andiyisebenzisi man lonto! (Esebeza) Iyandiqinisa kaloku”
Sisanda: “Ohk!

Wakhupha iphone yakhe uSisanda. Wangena kuWhatsApp wakhangela umhlbo wakhe uAkhona, wambhalela wenjenje;

“Chomie; Rescue me! Cela ufounele iphone yam after 5min uthi ndiyafunwa ekhaya ngoku and uthi its urgent. Please my friends and come by my house sizotya ezimnandi ngoku!”

Babe sebephumeile kwaVido Cash Store ukungena kwe MESSEGE evela kuAkhona;

Akhona: “Uphi kanti wena my Chomp?”
Sisanda: “Siphuma kwaVido ngoku nalomntu. Founa torho!”
Akhona: “OHK!

Sisanda: (Ebhekisa kuMpumezo) “Baby, ndicela undilungiselele iphone yam torho, inengxaki yesipika. Asivakali kakuhle”
Mpumezo: “Sizoyisa kwa-Prince ayenze, ugqiba kwethu kaloku, zokwenzela”
Sisanda: “OHK!”

Yabe sele ikhala le phone ka Sisanda...! Wake wazulisa enga ngumntu onestress se spika. Wayicofa, wavula iLOUD SPEAKER inga yena ufuna usebenzisa esiya sokukhalisa umculo;

Sisanda: “HELLO”
Akhona: (Ekhwaza) “Yewena uphi? Kunini ufunwa apha kokwenu? Umamakho ufuna isitixo! Kunini efikile? Uphi Sisanda! Iwes ke sana uyathukisa umamakha and uthetha nangento yotrokwa kwakho uvalwa kwezkolo! Khobuye uzise isitixo! Coz ngoku wena ufunwa apha kum!”
Sisanda: (Ezothusa) “Iyhoooooo! Ndisekakeni ke sana! Ndiyeza kaloku ngoku! Ndilapha ngakwaVido! YhuuuuuwwwwwhhhhhiiiiiiiiiiiI!!!!!”
Mpumezo: (Eyive yonke) Masikhawuleze kaloku sigqithe pha endlini, sithi nje and then ugoduke kaloku babes! Sizothi nje yabo!”
Sisanda: (Ethatha la plastiki inezinto) “Mamela, mandise isitixo and then ndizulise nje pha kumama. Ndizoza!”
Mpumezo: “Yeka kaloku ndihambe nazo, uzozityela pha endlini”
Sisanda: Ha.a kaloku ndifuna ukufika ndithi ndisuka etown mna nezi zinto kwenzela anganditroki lamama. Okanye ufuna nditrokwe wena? Ukuze ujole kakuhle ndingekho? Ndizoza no ngo ngo uvile?”

Yatsho imshiya apho lontokazi le yaseMpumezo! Kwek madoda...! Yemkisela intaka!

Kazi uyabuya nha uSisanda...! Abuye?

#DOUO

No comments:

Post a Comment