Friday 4 October 2013

Scene #1.19


Waye esoyika kakhulu uBonisa, kodwa yayingekho into ethi makajike, aphinde kwihoki kaMpumezo. Kwasele kukude ngemva, kukude kakhulu. Naphambili yayisele ingumgama obalekayo, kwakufuneka ayityhutyha-tyhutyhe iThsephe-thsephe! Phofu idume kakubi ke lendawo, izikoli ziyagqugqisa. Kwakufuneka ewele isiporo, ibe ke baninzi abacholwe ecaleni kwesisiporo sikaloliwe, sele bebanda. Wayethembe ntoni? UThixo? Wayephi ke loThixo kwisininzi esele sadunduluza kweso siporo? Uthembe ntoni bethu?



Wazibona sele ethe thu phezu kwesiporo, engucwethana oceke-ceke ecwayiza ukuhla kwelothambeka. Wake wema imizuzwana, wabheka-bheka, wake wajonga ngasemva. Waziva sele ethatha yedwa ukuba, ingaba bethu udlule njani kweziflet zingcole kangaka? Uphume njani bethu eBarcelona? makube ziphi izikoli elaxesha? Waphinda wayithwisha indlela sele enkcunkca...! Ungalibali ke usisiza uchophisile, kwabanzima ukuwela kakuhle ngokukhawuleza kulomatye esiporo, waxhwathuza ukuhamba oku, selethe thwici amadolo ukuwagoba oku.



Bonisa: (Ethetha yedwa) "Yhu! Adnisayiki ke lonto! Mandikhawuleze, noko sele ndizakufika ekhaya! Ukuba nje ndingaphinyela kweziflethi zalapha eIsland kuba ngcono! Ngekubhetele ukuba bukunohamba-hamba abantu. Ndlela le ndoyika ngayo"



Wayesele esemva kweziflethi zase Island ukuthi thuu kwabantu abahlanu. Babe hamba ngokukhawuleza kwaye kucaca nje ukuba kukho apho babhalele khona. Yayingabafanyana noko abaselula. Wabanda ngoko ke uBonisa sele kusithi rhiphu umbilini, kwabanda amazanzi esisu kwabuhlungu isifuba. Waqondana nabo kwaye ukujika kungasekho. Zizikoli ke ezi! Kwafika lomyalezo kuye ngokukhawuleza. Wabanesasifuthu-futhu singathethekiyo, wabila. Ukujika kwakhe abaleke akunakumenzela nto ngoba ngoku zazisele zikufuphi ezi aphambi kwazo. Zasisele zimqaphele.



Zeza kuye ngexesha elinye. Wamane uchiphiza umchamo inga angawuyeka. Wasuka womelwa ngumlomo. Uvalo lubethela ukuphuma ngomqala, wama nematha zifikile. Wacinga ngeBlackberry phone yakhe, wacinga ngeR250, iwatch, amacici, kunye neerings zakhe. Waqonda mhlophe ke ukuba hay'zimkile namhlanje! Zafika!



Umfana 1: (Esondela esima phambi kwakhe) “Uyaphi ebusuku sisi?”
Bonisa: (Eme bhunxe engcangcazela kukoyi) “Ndiyagoduka bhuti”
Umfana 1: “Uvelaphi elixesha?”
Bonisa: “Ndivela enkonzweni tata! Yho! Bhuti! Uxolo”
Umfana 2: (Emqwalasela) “Yho! Yeyiphi le kerk iphuma ngelixesha sisi?”
Bonisa: “Apostolic Faith Mission International...!”
Mfana 1: “Sukoyika sisi, asizokwenza nto! Yiza sikuweze iflethi ezi”
Mfana 2: “Unyanisile nceku. Akulungangwa ke kwezi flethi, masimthi nje tyishi”
Bonisa: (Engathembanga kwanto) “Hay'enkosi, sele ndizokufuka ekhaya”
Mfana 3: “Sukoyisa sisi, nathi besiye kwenye iWhole-night prayer ye-Movement yolutsha kwalapha, ngoku iphume early, asingethandi sikuyeke uhambe wedwa elixesha. Xa unokudibana nezintwana apha? Uzakuthi whaaaaaaa bani? Yiza sisi!



Kweee ham ke kusisiza, zamfaka phakathi ke ezonceku ukumkhapha oku. Kwangoko waluva uthando lobuzalwane, weva nje ukuba uphakathi kwabantwana bakaThixo. Kwacaca nje ukuba orheme bayalazi eli bandla kwaye bazi umzalwane uMpumezo kulo. Umzalwane ohamba nabo kwezi zinto zolutsha olukholwayo. Wakhululeka usisi lo, zake zacima iingcingane ngoMpumezo ophantse ukumbulalisa.



Umfana 4: “Nisadlalelwa nguSiseko pha ikeyboard?”
Bonisa: “Ewe nceku! Udlala kunye noLwando!”
Mfana 2: “Uyayidlala ke inyama lamjita! Wasoloko wafuna ukudlala usthole qho xa ebambe ikeys”
Mfana 5: “Ha! Ha! Ha! Ha! Uyadlala kodwa nje umeck...!”
Mfana 3: “Hasuka! Udlala itswele maaaaarn!”
Mfana 4: “Unomona kanene! Ubuxakwe yi-Transposer ngoku ke wena!”
Mfana 3: “Umbonile nje lamntana ebehlabela pha ukuba uvele wane loops, wamane etshintsha-tshintsha. Ngenditheni ke?
Bonisa: (Ekhululekile) “Haaaaa! Hayini aba! Ninomona kodwa shame! Uyadlala uSiseko qha ke! And uyanogqitha ke! Umona phantsi! Naku ke ekhaya! Enkosini bethunana, uThixo anisikelele”
Mfana 1: “Kulungile sisi! Ungaphinde uhambe wedwa ebusuku wethu maaaarn”
Bonisa: (Evala igate) “Andiphinde tu! Enkosi”



Bohlukana!



Mfana 2: “Hay'bo? Akukho kulo Sityhilelo nha apha? Bendingayazi ukuba kukho umntana omhle kangaka pha!”
Mfana 5: “Hay'bo? USityhilelo une sister? Asiyomedi yakhe le?”
Mfana 4: “Ndiyakhumbula maaaan! Akukho ntombazana kulo Sityhilelo! Lo makube simkhaphe etaka! Haaaaaaaa!”
Mfana 2: “Eish, bendizishaya ngaye ke mna! Dzerrrrrrr”
Mfana 3: “And intle le kanjani! Tjiooooo! Uligwala mfethu! Umyekile maaaaarn!”



Masibayeke ke abafana be Movement besatyholana...! Ingaba kwenzeke ntoni ke kuBonisa? Uyokwenzani kulo Sityhilelo? Akagodukanga nha kanti? Ndisuke ndaxakwa ke ngoku....! Ucinga kwenzeka ntoni wena mlesi?



Sibonane kwithuba elizayo ke bonorotso bethu...!



#DOUO

No comments:

Post a Comment