Friday 4 October 2013

Scene #1.18

Ekufikeni kwabo kulo Mpumezo uBonisa kunye noMpumezo kwakusele kunge ngecala emva kwentsimbi yeshumi. Wema phandle uBonisa akangena ehokini kaMpumezo. Wangena yena uMpumezo, wakhanyisa ugesi, wavala iikhethins wakugqiba weza emnyango.

Mpumezo: “Baby, umeleni phandle? Ngena kaloku”

Bonisa: “Ubungathathi imali nha?”

Mpumezo: “Lonto ithetha ukuba yima phandle ke ngoku?

Bonisa: “Iwes mna ndiyagodola ke sana and ndifuna ukugoduka”

Mpumezo: “Khangene torho”

Bonisa: “Masambe torho”

Mpumezo: “Ndizokukhapha kaloku nana”

Bonisa: (Engena) “Kanti uhlala ehokini Brother”

Mpumezo: “Ucinga ndihlala entweni wena? Ehokweni?”

Bonisa: “Hayi! Bendicinga une-RDP house okanye une flat
kaloku”

Mpumezo: “Ngelishwa ke ndihlala kwi back shark ekhaya, nomama nabantwana basekhaya...!”

Bonisa: “Akhonto imbi kaloku apho, suba sensitive kaloku. So sapha kaloku lemali, ngu 11 ngoku nje Mpumezo. Ithini kanti into yakho?”

Mpumezo: “ Ndicela uhambe kusasa. Ndiyakucela love”

Bonisa: “Ayahlambuluka ke le uyicelayo! Ndicela undinike torho le mali. Please!”

Mpumezo: “Ndizokunika kusasa”

Bonisa: “Hay'bhuti ndiyaphangela mna kusasa so kumele ndilale ekhaya! Ukuba bendiyiqondile ukuba uza kwenza lento, ngendingezanga mna apha!”

UMpumezo waya ewodrophini warhola isikhaftina esizele yimali ezinkozo kunye namaphepha. Wabala imali engange R250 engamaphepha aziiR10 kunye neeR20. Wogqiba wayibeka ohezu komandlalo, ze wayibuyisela enye eninzi kwase ndaweni yayo. Wathatha le isemandlalweni, wayibalisisa kwakhona, ze wayinika lo uyifunayo kodwa omnye wayibamba ngapha nomnye wayibamba ngapha, bajongana...!

Bonisa: “Yiyeke kaloku! Sapha!”

Mpumezo: “Umhle jo”

Bonisa: “Enkosi! Sapha ke!”

Mpumezo: “ I meant what I said ke joh”

Bonisa: “What did you say?”

Mpumezo: “That; I love you! I mean it”

Bonisa: “Enkosi! Khasapha le mali maaarn mpumezo! Kusebusuku and kukude eIsland mfondini”

Mpumezo: “Awuhambi kaloku! Ndikunikile nje imali yiyole (Watsho eyiyeka) Ndiyakucela jo hay'bo!”

Bonisa: “Ndicela undive torho! Ndithe hay namhlanje, mabe ngenye imini. Cela undikhaphe ke brother!”

Mpumezo: “Ndicela ukukuphuza ke babes, ndacela”

Bonisa: “Sivela enkonzweni Brothers! And wena ufunana neekiss! Ithini na kanti into yakho?”

Mpumezo: “Ubungathi sizothetha kanti namhlanje?”

Bonisa: “Ewe! Benditshilo. Masithethe sihamba kaloku!”

Mpumezo: “Ndikunikile nje imali! So, masihlale sobabini! Ndizokukhapha net sigqiba uthetha. Please jo!”

Bonisa: “Ewe! Undinikile imali! So, lonto ayithethi ukuba mandilale nawe kaloku! Lonto ayithethi ukuba mandikuncamise! Lonto ayithethi ukuba sele ndikuvumile ukuba ube yindoda yam! Ndicela undikhaphe bhuti okanye ndizozihambela mna! Ukuba ndikhuthuziwe kule Barcelona okanye esporweni, uyazi ukuba kungenxa yakho!

Watsho sele ephuma ngomnyango ke uBonisa kucaca nje ukuba utyhile emfeneni kukucaphuka. Wayesele enayo nendawana emcaphukisayo, kucaca nje ukuba uxolele neyiphi nha into enokwehla kodwa hay ukulala kwaMpumezo. Waphuma nge geyt enganakanga ukuba uyalandela uMpumezo okanye kusini nha. Wathatha lamali, waifaka phakathi kwebhayibhile, wayifaka ibhayibhile yakhe phantsi kwekhwapha. Waba bunkcunkca ukuya ngaseThswephe-thswephe. Uvalo lwaye lubethela ukuma, esuke nje wanesifuthu-futhu esisuke samfikela ngamandla. Wasuke waliphaku-phakwana Nkosi yam elothuswa liphepha eliphetshethwa ngumoya etheni. Kwaye kuthe nkcwee kucaca phofu ukuba kwa izikoli zilele namhlanje. Kwakunqabe kwa iimoto endleleni, eyedwa jwi.

Masiyiyeke apho! Ingaba uBonisa ukwazile nha ukusiwela isiporo ukuya kokwabo eIsland? Ingaba wafika kokwabo? Kwavela ntoni endleleni

Siyabuya ngo14H30

#DOUO

No comments:

Post a Comment