Friday 4 October 2013

Scene #1.11

Lomlo kamfundisi noThembela awuzange ubekho kuyaphi. Kaloku loonto yabo yaphela nje emva kwemizuzu engaphelele phi. Yayibile indedeba inga inethiwe. Yayisosula ngehempe kunzima, ikwamanzi tixi nayo
Yakhe yawubamba umoya ukuwusela oku, kucaca ukuba ngelakhe uye ngamandla. Umbefu yayinga yidonki esinde kwingonyama. Wawusela umoya ingamthi umfo omkhulu ujike engcwabeni. Kwaye ezama ukuhlohla ihempe yakhe umfundisi inteshe sele ithe thu yonke ngaphandle, noko ke umfo lo yindoda elithandayo ithumbu layo.

Mfundisi: (Esakhefuzela) “Ndikuphe kamnandin nhe nana?”

Thembela: “Ewe tata!”

UThembela wake wachopha phantsi ebambelele esiswini ngesandla sasekhohlo, ngesinye isandla ezigqumile ebambelele ebunzi. Wahlala apho esinekile inga ikho lento imtyayo ngaphakathi esiswini. Aphathe kubrasha iinwele, osule ibunzi, intloko ayibeke phezu kwamadolo akhe. Makube kwenzeka ntoni bethu kuye?

Nam andazi...! Masithembe kodwa ayimenzakalisanga lenkokheli okanye ayimchananga! Kungenzeka! Kwekh, kungakubi!

Mfundisi: (Esemnyangweni wentente) “Thembela! Ndisayakulanda ooSiseko bazolungisa iSystem mna, ndizobuya nabo ngo 3 okanye ngo4...!”

Thembela: (Esaqubudile) “OHK!”

Ahambe lomfo. Angene emotweni yakhe, aqhube ihle ukuya kwindle yamaphala. Amise ku 4Way stop, abheka-bheke, athobe ifestile, ukuze afumane umoya opholileyo. Athi akubona ukuba lixesha lakhe lokuhamba ngoku, wawafaka amafutha, yasuka imoto. Ngesaquphe kanti kuze iphela elingakhange limise ku 4Way stop, labe lijuliwe ke, lapipiza, wazibamba iziqhoboshi umfundisi sele inga uhla eliweni, wavela ngefestile...!

Mfundisi: “Msunwakho! Yikaka yantoni le uyenzayo! Ukuba ubundigilile? Awumboni Way Stop? What the fuck you are doing?”

Umqhubi wephela: (Esusa iphela lakhe ze wangena endleni) “Hammmmbaaaaaaaaaa! Kunya!!!!!”

Mfundisi: (Ecaphuka) “You will burn in hell sathana ndini ongenambeko”

Waphuma wazama ukujonga imoto yakhe, wajonga amavili, wamane ewakhaba, kanti ke iziqhoboshi ube zibambile. Wazincoma ukuthandaza, kuba usinde ngezika zibi. Waqhuba wemka!

Emva ententeni. Washiyeka ese zingcingeni uThembela;

“Ukuba inokuthi kanti ndikhulelwe? Sitheni sibuhlungu kangaka isisu sam? Tjuoiuioiuuioi!!! Siyaqaqamba rhaaaaa! Bendingenwe yintoni ukuze ndilale nomfundisi? Ukuba bekunongena abantu? Yhoooooo! Ndiyayenza into kodwa! Bekutheni bathu? Bekutheni ukuze ndinxibe esisikeyt sifutshane ke khona kodwa ndiqhele ukunxiba ibhrukhwe xa ndiza apha? Ikhondom? Sisebenzise ikhondom kanene? Hay! Yhoooo! Kodwa ndike ndibe muncu ke yaz...? Iyhhhuuuuuuuwwwwwiiiiiiiii!”

Kungene uSizeka ephethe amalaphu oku-decorator kunye namashiti okugquma iqonga neetafile, ne pulpit. Upholile ke ukunziba oku kwaye kuyacaca ukuba yintombi yaphandle apha. Amathanga angaphandle onke, icleavage ithe thuhlu, uzijika-jikile ke iinwele usisiza lo. Ubupeyntile ke nobuso obu bakhe.

Sizeka: (Bexhoma amalaphu) “Undi-WhatsAppele kaloku uBonisa. Wandixelela ukuba naye uyamthanda uBrother Mpumezo”

Thembela: (Othukile) “Huh? Hay'wena suxoka!”

Sizeka: “Ewe! Bebese Prominade ke sana! Bebekhupheni futhi!”

Thembela: “Hay'suka! Abajoli abo! Inoba bebeyothenga iOIL kaloku, ulibele?”

Sizeka: “Yesana andisoze ndixoke ngento enje! UBrother Mpumezo ucele umtshato kuBonisa namhlanje ekuseni...! Kodwa akakathi 'ewe' uBonisa. Bebese Prominade Mall ekseni ngoko and I can imagine abantu...! Yhuuuuu! Iromentic landoda! Tjiooo! Se ndamrhalela ke ngoku!!!!”

Thembela: “YHO! Phakathi kwabantu? Yhoooo! Andicingai sana! Uzovuma ke ngoku uBinie? Hay sana ndiyamvuyela”

Baqhubeka belungisa apho ententeni de kwabuya uLindelwa nye wancedisa...!

#DOUO

No comments:

Post a Comment