Friday 4 October 2013

Scene #1.1

Kungecala emva kwentsimbi yesisine. Khwasusu uThembela, wadlikidla uMpumezo.

Mpumezo: (Esesebuthongweni) “Mmmmmh?”

Thembela: (Ephuma emandlalweni) “Vuka! Undikhaphe! Uzobetha ngoku u5am kwaye andifuni kubonwa ngabantu ukuba bendilele apha.

Mpumezo: (Eguqukela edongeni) “Who cares? (Egqumathela ngeengubo) Kusebusuku buya uzolala”

Thembela: (Ekhangela iimpahla zakhe) “Akhange uyibone ipeynti yam? Siphi esinye isihlangu sam?”

Mpumezo: “Ubuyikhululele phi wena lompahla yakho?

Thembela: “Tyhini! Makube ubiwe! Akhange ndizikhulule mpahla mna! Ikhululwe nguwe! Makube ubuhoye le ubuyifuna ke!”

Mpumezo: (Esagqumathele) “Ikwalapho wethu kjhangelisisa nawe)

Thembela: (Caba ude wayibhaqa. Enxiba) “Ndicela uvuke torho undikhaphe!”

Mpumezo: (Ebudikwa) “Ohk! Ohk!”

Thembela: “Baby! Ndicela undiboleke iR100 ndizokunika ngokuhlwa xa ndibhatalweyo kulantente siya kuyo namhlanje, please”

Mpumezo: (Enxiba naye) “Ok! Uyazi ke ukuba ndikunika kule yomnikelo, uyibuyise ke”

Thembela: “Sapha kaloku! Ndisakhangela isihlangu sam apha phantsi kwebhedi”

Mpumezo: (Caba ucinge nto) “Yima ndikujongele!” (Engena ngaphantsi kwebhedi) “Hay, asikho apha”

(Kodwa akakhawuleza ukuphuma. Ubone intloko yakhe yegusha abe ebeyiqhushe ke ngephezolo. Igrenyiwe ziimpuku, kula plate kugcwele ukunya kweempuku noboya bazo. Caba bezizidalela kwesi sisulu)

Thembela: (Ezama ukukroba naye phantsi kwebhedi bukhangela isihlangu sakhe) “Uhlelele ntoni ke ngoku apho? Yintoni le uyibonayo apho?”

Mpumezo: (Ephuma kunye nesi sihlangu ebengasiboni) “Nasi! Ndibona impuku efele apha phantsi kwebhedi, kuyacaca ukuba ifele apha phezolo, ayikanuki”

Thembela: “Yikhuphe kaloku uyilahle ingekanuki”

Mpumezo: “Mandiqale ndikhaphe wena!”

(Watsho emtyhilizela ngasemnyango uThembela)

UThembela ke uhlala kudana kunale inguMpumezo. UMpumezo uhlala eBarcelona eLower Crossroads, eBlock 4, ngakwaJali. UThembela yena uhlala eNewrest kwalapha eLower, ngaseHerchelle. Ingumgamana omde ke ukuya apho. Indoda kumele iqine isibindi ukuya pha ngexesha lasebusuku. Ugqitha kwiindawo ezininzi ezimnyama, kwaye kwa ukuphuma kwi Barcelona ikwa yimigudu.

Behla bebambene ukuya ngaseholweni yoluntu. Kwale xa kuvela umntu, suke bayekane ukubambana, inge lomntu uyabazi. Kwakuthi nkcwe baphinde babambane.

Phofu; ngelixesha asingabo bodwa izadwenge ezikhaphanayo. Asingabo bodwa abakulemeko bakuyo. Kwaye ingelolutsha kuphela olwenza lomkhuba wabo. Babona abantu abadala, nabancinci beletsheza kucaca bavela kwezabo. Mna, ndinombo wabo banxibe iinighty, ipijama abanye babetha ngootranki. Kukwakho nabo bombethe iingubo! Kuxakekiwe!
Lade lafika ixesha lokujika kwendedeba. Benzana ke le nawe uyaziyo xa kujikwa kusahlukwana!

Yayibhabha ukuya endlwini inkosi enkulu, inga ingaletsheza ukuyofika endlwini. Ingxamele nto...! iphathe kubaleka; igxanye; inkcunkce; igijime okanye itsho ngejubane. Yayiphatha kubheka bheka kwakuthi thu isithatha sezibane seemoto. Ilunguze yakuva kurhwatshaza kufutshane, kuthi rhiphu umbilini ke kwakukhonkotha izinja! Kodwa ngelingeni umfo wazokufika egumbini lakhe langasemva. Uvule engxamile!

Waqonda ngoo pha....!

# DOUO

No comments:

Post a Comment