Friday 4 October 2013

Scene #1.2

Waqonda ngqo phantsi kwebhedi umfo omkhulu sele evuza izinkcwe kakade. Wafaka isandla ephutha-phutha ngaphantsi kwebhedi ukukhangela la plate inenyama yakhe. Suke waguqa namadolo kucaca ukuba akafiki kuyo okanye makube iimpuku zimke nayo. Wabuya naso esositya sinentloko yegusha, sele intushu-ntushu ukuba mdakana, kaloku, inkunkuma ephantsi kwaloobhedi nkosi yam! Uthuli oluzimele apho...! Kwakungekho nto ingekhoyo eyinkunkuma, amaphepha ee-chips, aweelekese, amathambo, iingququ zezonka, iintshwela ezomileyo, kuya le kuya le!

Yayomile lontloko kucaca ukuba ibethwe kanobom yingqele. Enqumile amanqatha kwaye ukuba wawunokuyitya leya ngokuya injeya, wawunokuhlafuna unyaka onesiqhuma! Yayingasaphelelanga tu, iimpuku zaazalisa oovimba neefriji zazo ngokuqinisekileyo.

Yamcaphukisa le lento urheme kodwa akazange ajike. Ayesele ekrukrutheka amathumbu yindlala kwaye elambile. Wayivuthulula lanyama, wayicukuceza wayihlamba, wayifaka embizeni ukuba itsholoze. Wayinonga kanobom ze angavi vumba lampuku.

Ngoku esalinde ukuba ibe ibila imbiza, wabe waqubula idrinki yakhe emva kwekhabhathi;

“OH! Nkosi yam! Yintoni nale indehlelayo?”

Wavakala esitsho unkabi kwaye sele ngoku limyile. Kuthe kanti ulibele ukuyivala labhotile yedrinki. Ngoku yayithe mome ziimbovane. Kucaca ukuba kwazona kudala ziziqubhela kwelolwandle limnyama, ndase ndacinga Ama-Sirayeli ewela ulwandle olubomvu. Yabe naledrinki sele iphelelwe nayi asidi....! Uzakuyithini bethu? Wazama ukuvuthela, osule, asuse, agutyule ezo zifele pha phakathi! Kwekh madoda! Ungayilahli nje Mpumezo? Phofu, ikwayile mali yomnikelo.

Mpumezo: (Ethetha yedwa) “Hay, makube ezimpuku nezimbovane zithunyelwe ngusathane uqobo. Suke nje zidle isopholo yendoda kaThixo? Hayi kumele ndike nditshize ngesiwasho nangala oil kamfundisi. Mhlawumbi zizakuphela!”

Sele silungile isidlo sakhe umfomkhulu, ngoku ukhukhuza ithambo lemehlo kwaye ukwezikude iingcingane;

“Kanene namhlanje kuzakuma umfundisi ePulpitini. Kwekh madoda, namhlanje akukho nesenti ezongena kwaye lamfo uvele ayibuthe yonke xa kushumayele yena. Nentshumayelo yakhe soloko ingqale emntwini, soloko iqulathe amatye, soloko yena esilwa xa eshumayela. Ubone nalamaxhegwazana enyuruza ukunyuswa nguMoya oyiNgcwele (Esahlula inqatha lemehlo kubini, ethath izilayi ezine, efaka elamehlo phakathi, eluma kanobom) Mmmmmmh! Mhm! Mhh! Mhm! Zimnandi ke ezintloko zikaMamQhinebe.

Akugqiba ukudla. Unkabi uphindele ebhedini sele edengile kukuhlutha, isisu sele singumpatsiya. Wanyoshoza ukuvula iingubo, wasole wangena ngeempahla kukonqena ukukhulula. Umoya wangemva (Umthsulo) ewuyeka nje uphume ungagadwanga. Yayisebe ibophile nalondlu livumba lomoya wasegwadana. Walala.

Ngentsimbi yesibhozo ekuseni njalo, kwavakala kunkqonkqozwa emnyango!

Ilizwi: (Elungomba ucango) “Mpumezo! Mpumezo! Mpumezo! Vuka! Vuka! Mpumezo!”

Mpumezo: (Esabelela kude esesebuthongweni) “Heee?”

Ilizwi: “Uthi gerhe ku?”

Mpumezo: “Mama”

#DOUO

No comments:

Post a Comment