Friday 4 October 2013

Scene #1.3

Mama: "Ndiyemka ndiyaphangela ngoku. Isitixo ndisifake phantsi kwe-matt. Uncede ukhuphe umgqomo. Uvase ezazitya. Ufide nezinja mntanam"

Mpumezo: "Ndiya ententeni nje mama!''

Mama: "Ucoce indlu yam wena. Ndimkile! Ungalibali ukhupha lamgqomo! Imali yesonka nobisi iphezu kwetafile. Sesabantwana besikolo ke''

Uphakamile uMpumezo ebhedini. Waqonda emnyango. Khumbula kaloku ebeye wangena enxibe impahla akugqiba ukutya.

Waqubula ama earphones akhe phambi kokuba aphume, kunye nephone yakhe. Wafaka ingoma kaSipho Makhabane ethi; The devil is liar, he can't get over me! Asuke ayiqethukise ke intloko kucaca uyayiva.

Pha phandle! Kwabe kudlula uSisanda, kucaca ukuba uvela ngaseshop. Unxibe inyt dress kunye negown ende, unxibe into zorhuqisha, wathwala ipantyhose enoontshontshi;

Sisanda: "Dear''

Mpumezo: ''Mama ka ndoda''

Sisanda: "Yewena waphelela phi kwaMrev na sana?"

Mpumezo: "Yho! I had to bounce jo! Ndandipresekile!''

Sisanda: "Wenze mnyama itafile ujike uphele emehlweni? Kwenzeka ni sana?"

Mpumezo: ''Shhhh! Sukhwaza! Uzondijongisa ngabantu! Nditshilo nje kwamele ndiya enkonzweni...!"

Sisanda: "Yhoooo! Umntwana wabantu lo wawuyokumlanda eISLAND jike wamdampa phayana? Ungcolile Mpumezo!

Mpumezo: (Ebhekabheka) "Hay'maan sukhwaza kaloku! Nha ndaringa nala wey, simnandi futiz...! Eish inoba wandenza mdaka jo"

Sisanda: "Tu ke tana! Khawenze umnqongo kaloku! Ke ndisuse landawo nje"

Mpumezo: "Ikhona ichweba pha kum eback! Zwakala!''

Baya ehokini kaMpumezo!

Sisanda: "Yhu! Ha.a yondlula ucoce indlu Mpumezo! Yhu! Xa kunje?''

Mpumezo: "Ha.a ndisavuka jo! Beside kumele undincede! (unge unika uSisanda imali, wambamba bumjulela phezu kwebhedi) usose undinkalela nam coz ndinkalile kwaMrevu nam!"

Sisanda: (Egadlela ukuthetha) "Hay'hay'hay ungandiqheli ukunya mna! Sukaphezu kwam"

Mpumezo: "Khandiphe jo!"

Sisanda: "Andfun! Sapha lemali ndiyosela or uyeke ukuba awufuni!"

Mpumezo: "Nantsi! (R50) mbozimamela (emnika) cela uzondhlalisa emini torho va"

Wathatha ibile yakhe wafunda!

Kwangena iSMS;

"Ndiyakucinga! Ingathi akude kuhlwe! Uzuke uhlambe iingubo ziyeke ukunuka ivumba lenyama yegusha! Love...! Thembi!''

Wancuma umfo inga utswetyelwe!

Waqhubeka nezibhalo...!

#DOUO

No comments:

Post a Comment