Friday 4 October 2013

Scene #1.12

Besaqukeza ooThembela noSizeka kwafika uma'Mfundisi. Waye ephethe amanye amalaphu kunye nezinye izinto ezingamaflawa, kodwa axicacanga nokuba yi fake yama flawa okanye kusini nha. Wayenzibe ndilisekileyo ke umem lo, Efake isikeyti esithsaka-thsaka esimnyama, ethe bhanti elikhulu mfondini, sele limthe mfi apha esinqeni ukuya pha kanye phantsi kwe bele. Ufake ke ipheke-pheke lomnqwazi ke, ejingisa ishades apha kanye kwi cleavage yakhe enkulukazi kunene. Unelizwi elikhulukazi umem kwaye uyathetha maaaaaaarnm!

Esangena pha emnyango wangxola ngokukekela kwee khethinz, wathethela ukuba mdaka kwamashiti aseqongeni, wathethela ukungagqitywa kokutshayelwa. Phofu ekwafuna ezintombi ziyothutha ezi zinto aze nazo emotweni.
Phofu ke yena wachopha kwesasitulo besihleli indoda yakhe ngokuya ibinantsika uThembela, wangena kuFacebook. Waya ngqo kwipage yengxaki zesijolo; Iingxaki Zesjolo e'Lowercrossroads apho afike kukho isitori sentombazana ethandana nomfundisi, oyithengelela into yonke. Ngoku lo sisi icela uncedo kuba ifuna ukwenza iyelenqe kumfazi ka mfundisi wabhala naye ke umamruti wenjenje;

“ Yesana ukuqhela kakubi! Akulale akugqiba akuxelele lonto? Ungasikhuphi esosusu nontombi, ugcine umntwana wakho. Rha kunganyiwa apha kum ndingamyela enkawini lomfundisi mna”

Wamane efunda ezinye iicomments zabanye abantu kunye nee posts esele zikhona. Wavakala ethetha yedwa kwaye ehleka;

“Yhuuuuuu! Yho! Hay'lo Brooklyn uyayenza into yakhe! Ha! Ha! Ha! Andisamthandi elo xesha”

Wathi akugqiba wacofa landawo ino'MESSAGE' kwalapha kule page, wabhala wenjenje;

“Hi Admin! Ndicela undiqhusheke kungaveli kungaveli nengono le yam. Ndicela ukubuza wethu ukuba; yenziwa yintoni nha ukuba indoda yakho, iphele inyanga ingakubambi, ingakuphuzi, ingakuphi? Okanye if ithe yacaca yakupha isuke yenze into encinci? Yogqiba ingakunaki? Ingaba isandithanda? Ndithini? Ndiyishiye? Sine 8 yearsn ke sisthatule nomfo lo. Ndicela ungalibali ke toto ukundifihla! Enkosi! Ungathukisa ke wena skheberetshe”

Wayithumela lonto umama umfundisi, akugqiba, wabheka-bheka ke nantsika. Zabe zivela ezantombi ziphethe iivazi, ezintyantyambo zingakholelekiyo;

Mamfundisi: “Uzuke wophule lovazi ke Thembela nje ngoba use wakekela nje, iqale nini ukusinda ivazi ngoku?”

Thembela: “Inamanzi mam and isusu sam sibuhlungu, andiyazi ukuba nditheni!”

Mamfundisi: “Ngalamanqina ndisoloko ndininqanda kuwo! Kunini ndisithi kuni musani ukuwatya lamanqina ojiweayo phandl'apha? Jonga ngoku, utyiwa ngawo! Uhleli usonqena ke wena! Uzohlabelela njanin namhlanje?”

Thembela: “I hope ndizoba right mam, ndizogoduka ndiyohlamba, ndizocela uthengelwa iipilisi pha ekhaya”

Mamfundisi: “Angeke ukwazi ukugoduka ntombazana! Ndizocela umamakho akuphathele into zakho zonxiba. Uyayazi ingxaki yakho! Uyathanda ukuba late...!”

Thembela: “Kodwa mama akhange ndihlambe ndizo...!”

Mamfundisi: “Ndithethile Thembela kwaye awuzukundiphikisa! Ungumntwana into oyiyo!”

Watsho sele ephakama umama, waya ngasemnyango. Kwacaba ulibele nto, wajika;

“Siphi isitixo sam nina? Andisiboni”

Wavula-vula ibhegi, waphutha-phutha, wahlukuhla kodwa engade asibone. Wampampatha ezipokothweni, emabeleni hayi asikho. Wakhwaza kwakhona! Kodwa suke bamwa ngentsini kucaca futhi ukuba bayasazi apho sikhoyo, bona babe beqhubeka nomsebenzi wabo...!

Mamfundisi: “Yenina ndakunibetha! Sanudlala ngam! Kwaye ndingxamile! Saphani esi sitixo!”

Waphendula uLindelwa ephelile yintsini;

Lindelwa: “Mama, ndicela ujonge esi sandla sine phone! Ayisositixo semoto yakho eso?”

Yajonga intombi enkulu, yasibona. Tshini! Kanti ixesha eli lonke ebengasiboni nha eso sitixo? Yho! Makube ikhona into emstresayo, inoba yintoni bethu?
Wanyoshosa engakhange athethe. Kunani u'Enkosi'? Hay kodwa abanye abantu...!

UMpumezo yena lithini elakhe ibali? Uphi? Wenzani? Nabani? Kufuneka ke siyokumgqogqa, andithi?

#DOUO

No comments:

Post a Comment